YouVersion Logo
Search Icon

uMateyu uMateyu 9

uMateyu 9
1Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kowabo. 2Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. uYesu, elubona ukholo lwabo, wathi konedumbe; Nyana, yomelela; zixolelwe izono zakho. 3Kwabonakala kukho abathile bakubachazi-mthetho phakathi kwabo, besithi, Lo uyanyelisa; 4uYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezimbi ezintliziyweni zenu? 5Kuba kukuphi na okulula ngakumbi, ukuthi, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uhambe? 6Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. 7Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe. 8Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka. 9Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu, athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. 10Kwathi, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe. 11Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni? 12Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. 13Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke. 14Beza kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili? 15Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila. 16Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba. 17Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini. 18Esathetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila. 19Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe. 20Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe; 21kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa. 22Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela; ukholo lwakho lukusindisile. Yaphiliswa umfazi kwangelo lixa. 23Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela; 24Athi kubo, Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini. 25Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo. 26Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba. 27Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide. 28Zithe, akungena endlwini, zeza kufika kuye iimfama, athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. 29Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni. 30Aqabuka amehlo abo; Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto. 31Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mmandla. 32Ke kaloku zakubon’ ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon. 33Yakukhutshelwa ke indimoni, sathetha isisidenge, zamangaliswa izihlwele, zathi, Ayizanga ibonwe into enjalo kwaSirayeli. 34Kodwa bona abaFarisi bathi, Ukhupha iindimoni ngomphathi weendimoni. 35Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. 36Uthe ke, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi. 37Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa. 38Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 9: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in