uMarko uMarko 13
uMarko 13
1Kwakubon’ ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka? 2Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. 3Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, malunga netempile, bambuza ngasese uPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, besithi, 4Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto? uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziya kuzaliseka? 5Wabaphendula uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa mntu; 6Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; balahlekise abantu abaninzi. 7Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kanti kona ukuphela akukabikho. 8Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo. 9Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala; Niya kubethwa ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo. 10Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga. 11Xa sukuba ke benirhola, beninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga; uMoya oyiNgcwele. 12Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele unyana; bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; 13niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. 14Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele ukuba likhona (umfundi makaqiqe), ngelo xesha mabathi abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni; 15Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe; 16Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe. 17Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! 18Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi sebusika. 19Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; 20Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo. 21Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu; nanko ekho; musani ukukholwa nguye; 22Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka. 23Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili. 24Ngaloo mihla, emva kwaloo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo; 25Iinkwenkwezi zezulu ziya kuwa, athi namandla asezulwini azanyazanyiswe. 26Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. 27Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathele esiphelweni somhlaba, kuse esiphelweni sezulu. 28Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. 29Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. 30Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. 31Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. 32Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise. 33Lumkani, hlalani nilindile, nithandaze; ngokuba anilazi ukuba linini na ixesha elo; 34njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde. 35Phaphani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; 36hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. 37Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.
Currently Selected:
uMarko uMarko 13: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: