uMarko uMarko 15
uMarko 15
1Bathi, kwaoko kwakusa, ababingeleli abakhulu benza ibhunga, ndawonye namadoda amakhulu, nababhali, nentlanganiso yamatyala iphelele; bambopha uYesu bemka naye, bamnikela kuPilato. 2Wambuza ke uPilato, esithi, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? Waphendula ke wathi kuye, Nawe utsho. 3Bammangalela ke ngeendawo ezininzi ababingeleli abakhulu; kodwa yena akaphendulanga nento. 4Wabuya ke uPilato wambuza, esithi, Akuphenduli nento le? Khangela ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqina ngawe. 5Kodwa uYesu akabanga saphendula nto; ngokokude amangaliswe uPilato. 6Ke kaloku ngomthendeleko wayebakhululela umbanjwa abe mnye, abasukuba bemcela. 7Kwaye kukho ke obekuthiwa nguBharabhas, ebotshwe ndawonye nabanye abenzi besaqunge, ababulalayo nokubulala esaqungeni apho. 8Sankqangaza isihlwele, saqala ukucela, ukuba enze ngoko abehlala esenza ngako kubo. 9Wabaphendula ke uPilato, esithi, Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaYuda na? 10Kuba ebesazi ukuba ababingeleli abakhulu abo bamnikele ngomona. 11Ke bona ababingeleli abakhulu bayixhokonxa indimbane, ukuba icele ukuba kanye abakhululele uBharabhas. 12Waphinda waphendula ke uPilato, wathi kubo, Ningamenza ntoni na ke ngoko kulowo nithi unguKumkani wamaYuda? 13Babuya ke bankqangaza bathi, Mbethelele emnqamlezweni! 14Wathi ke uPilato kubo, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! 15Kwathi ngoko uPilato, enga angasiyenelisa isihlwele, wabakhululela uBharabhas; wamnikela uYesu, akuba emtyakatyile, ukuba abethelelwe emnqamlezweni. 16Aza amasoldati amrholela entendelezweni, ebizwa ngokuba yirhuluneli; balibizele ndawonye ibutho lonke. 17Bamambesa iingubo ezimfusa, baluluka isithsaba sameva, bamfaka ngaso entloko. 18Baza bathi kuye, Vuya, Kumkani wamaYuda! 19Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye. 20Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni. 21Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe. 22Amzisa endaweni yaseGolgota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi. 23Ayemnika iwayini enemore, ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga. 24Athi, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuba ulowo uya kuthabatha ntoni na. 25Laye ke ilixa lesithathu, bambethelela emnqamlezweni. 26Umbhalo wesimangalo sakhe wawubhalwe ngaphezulu, wawusithi, UKUMKANI WAMAYUDA. 27Kwaye kubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini; omnye ngasekunene kwakhe, nomnye ngasekhohlo kwakhe. 28Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wabalwa nabanxaxha. 29Bamnyelisa ke abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Yeha, wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu! 30Zisindise, uhle emnqamlezweni. 31Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngabo kunye nababhali, besithi: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. 32uKristu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemnyelisa. 33Ke kaloku, lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwalilixa lesithoba. 34Ngelixa lesithoba wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi, Eloyi, lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na? 35Inxenye ke yababemi khona yakuva yathi, Niyabona, ubiza uEliya. 36Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khaniyeke; Makhe sibone ukuba uEliya uza kumthula na. 37Wadanduluka ngelizwi elikhulu uYesu, wawunikela umoya wakhe. 38Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi. 39Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo. 40Kwakukho ke nabafazi, bekhangele bemgama; phakathi kwabo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome; 41ababesithi, oko ebeseGalili, bamlandele, bamlungiselele; kwanabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem. 42Ke kaloku, kwakuhlwa, ngokuba kwakuyimini yokulungiselela, oko kukuthi, umhla ongaphambi kwesabatha, 43kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu. 44Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile. 45Ekwazile ke kumthetheli-khulu, wawunikela uYosefu umzimba. 46Yena, ethenge ilinen ecikizekileyo, wamthula, wamsongela kwilinen entle; wamlalisa engcwabeni elixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba. 47Babona ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, apho wayebekwe khona.
Currently Selected:
uMarko uMarko 15: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: