YouVersion Logo
Search Icon

KuFilemon KuFilemon 1

KuFilemon 1
1uPawulos, umbanjwa kaYesu Kristu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon intanda yethu, ongumsebenzi wethu; 2Sibhalela uApiya oyintanda, noArkipo umphumi-mkhosi wethu, nakulo ibandla elisendlwini yakho; 3bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 4Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhankanya emithandazweni yam ngamaxesha onke; 5Ndiluvile nje uthando lwakho nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu nakubo bonke abangcwele, 6ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, okuKristu Yesu. 7Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana. 8Ngoko ke, nangona ndinobuganga obukhulu kuKristu, ukuba ndikuthethele into esukuba ifanelekile, 9noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu. 10Ndikubongoza ngenxa yonyana wam uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni; 11obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum. 12Endimbuyisele kuye, wena ke mamkele, oko kukuthi, izibilini zam; 13ebendinga ndingaya kuhlala nam, ukuze athi esikhundleni sakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi; 14Kodwa andithandanga kwenza nto ngaphandle kwakho; ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma. 15Kuba mhlawumbi waphuma umzuzwana, ukuze umzuze ngokwaphakade; 16Engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi? 17Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam. 18Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum. 19Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho. 20Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini. 21Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba ùya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo. 22Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa. 23Uyakubulisa uEpafra, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu. 24uMarko, uAristarko, uDemas, uLucas, abasebenzisi bam. 25Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen. (Yabhalwa eRoma isiya kuFilemon, nguOnesimo umkhonzi.)

Currently Selected:

KuFilemon KuFilemon 1: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in