KwabaseFilipi KwabaseFilipi 4
KwabaseFilipi 4
1Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, balangazelelwayo, luvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintanda. 2uWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini. 3Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi. 4Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani! 5Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke. iNkosi isondele. 6Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. 7Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu. 8Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo; Ukuba ke kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zicingeni ezo zinto. 9Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani. 10Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enikuxhalabeleyo ke, koko naniswele ithuba. 11Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele. 12Ndiyakwazi nokuba kunjani ukuhlwempuzeka, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela. 13Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu. 14Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo. 15Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa. 16Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam. 17Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu. 18Ke ndinezinto zonke nje, ndityebile, ndihluthi, ndizamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo. 19Kodwa ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu. 20Makubekho uzuko kuThixo uBawo wethu, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 21Imibuliso kubo bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam. 22Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare. 23Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen. (Ibhalelwa kwabaseFilipi eseRoma, nguEpafrodito.)
Currently Selected:
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 4: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: