YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseRoma KwabaseRoma 9

KwabaseRoma 9
1Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sanesazela sam sindingqinela nakuMoya oyiNgcwele; 2ngokuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam. 3Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndaphuma kuKristu ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama; 4Ngoobani bona oonyana bakaSirayeli; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqophiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga; 5abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen. 6Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli; 7kananjalo abathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake; 8Oko kukuthi, asingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu. 9Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana. 10Asiyiyo le yodwa; kwathi nakuRebheka, akubon’ ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu. 11(Kuba abantwana bengekazalwa, bengenzanga nto ilungileyo, nokuba imbi, ukuze icebo likaThixo elingokonyulo lime, lingabi ngokwasemisebenzini, libe liphuma kulowo ubizayo); 12Kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci; 13njengokuba kubhaliwe kwathiwa, uYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya. 14Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Makube lee oko. 15Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye. 16Ngoko ke asikokothandayo, asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba. 17Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi. 18Ngoko ke unenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni. 19Uya kuthi kum ngoko, Usasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe? 20Ehla ke, mntundini! ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza? 21Akanagunya na umbumbi phezu kodongwe ukuba enze kwangaloo ntlama, esinye isitya sibe sebekeka, nesinye esingabekekanga? 22Hi, ke, ukuba uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo; 23ukuze abaze ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili; 24ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo? 25Njengokuba esithi nakwekaHoseya, Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam; nentanda yakhe, engathandwa. 26Kwathi, apho kwabe kusithiwa kubo, Aningobantu bam nina; baya kubizwa khona ngokuthi, bangoonyana bakaThixo ophilileyo. 27Kananjalo uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, kosinda amasalela odwa. 28Kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze. 29Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi, Ukuba iNkosi wemikhosi ibingasishiyelanga mbewu, singe sisuke saba njengeSodom, sisuke safana neGomora. 30Sithini na ke ngoko? Sithi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni. 31Kodwa yena uSirayeli obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa. 32Ngani? Ngokuba abakufunanga ngokwaselukholweni, bakufuna ngokwasemisebenzini yomthetho. Kuba babetheka elityeni eli lokubetheka; 33njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka, Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in