uLuka uLuka 22
uLuka 22
1Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika. 2Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala; ngokuba bebesoyika abantu. 3Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini. 4Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angáthini na ukumnikela kubo. 5Bavuya ke, banqophisana naye ukumnika imali, 6wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu. 7Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuba kubingwe ngawo imvana yepasika. 8Wesusa uPetros noYohane, esithi, Hambani niye kusilungiselela ipasika, ukuze siyidle. 9Bathe ke bona kuye, Ùfuna ukuba siyilungise phi na? 10Uthe ke yena kubo, Yabonani, nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo. 11Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam? 12Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke. 13Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika. 14Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye. 15Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima; 16Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo. 17Wayithabatha nendebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo; 18Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo. 19Wathabatha isonka, wathi akubulela, wasiqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula. 20Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina. 21Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha. 22uNyana woMntu okunene uyemka njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye! 23Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto. 24Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu. 25Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi. 26Ze ningabi njalo; omkhulu kuni makabe njengomnci; nomkhulu, makabe njengokhonzayo. 27Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asinguye na ohleli esithebeni? phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli. 28Nina ke ningabo bahlala nam ekuhendweni kwam; 29Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna; 30ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli. 31Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa. 32Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho. 33Uthe ke yena kuye, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni. 34Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi. 35Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Akukho nto. 36Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele. 37Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; 38Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Uthe ke yena kubo, Kwanele. 39Waphuma ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma; Bamlandela ke nabafundi bakhe. 40Akufika kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ukuze ningangeni ekuhendweni. 41Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo, wathandaza, 42esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo. 43Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza. 44Esentlungwini enkulu, kwaba kukhona wathandaza enyamekile; kwasuka ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi, esiwa emhlabeni. 45Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo. 46Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? vukani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. 47Kwathi, esathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga. 48Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na? 49Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele? 50Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene. 51Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa. 52Uthe ke uYesu kubabingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, ababeze kuye, Niphume ninamakrele neentonga na, ngathi niphumele isihange? 53Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama. 54Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; Waza uPetros walandela ekude. 55Ke kaloku, bakubon’ ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo. 56Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye. 57Wakhanyela ke yena, esithi, Ntokazindini, andimazi. 58Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye. 59Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili. 60Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kwaoko, esathetha, yalila inkuku. 61Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. 62Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra. 63Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya. 64Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo? 65Ayethetha nezinye izinto ezininzi ngaye. 66Kwathi kwakusa, ahlanganisana amadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, nababhali, bamrholela entlanganisweni yawo yamatyala, besithi, 67Unguye na uKristu? Sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa; 68nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula. 69Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo. 70Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nina nithi ndinguye. 71Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina? kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.
Právě zvoleno:
uLuka uLuka 22: CXB24
Zvýraznění
Sdílet
Kopírovat
Chceš mít své zvýrazněné verše uložené na všech zařízeních? Zaregistruj se nebo se přihlas
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: