Ivangeli ka‐Luke 16
16
1WAYESITI kanjalo kubadisipile bake: Bekuko isityebi esitile, esibe sinegosa; kwaye kumangalwa kuso ngalo eli ukuba liyaci̔takalisa impahla yaso. 2Saza salibiza sati kulo: Yinina lento ndiyiva ngawe? yenza ingxelo yobugosa bako; ngokuba ungebe selilo igosa. 3Laza lati pakati kwalo igosa elo: Ndiya kwenza nto nina, inkosi yam ibususa ubugosa kum nje? ukumba andingekwenze; ukunqiba ndikudanele. 4Sendikwazi oko ndiya kukwenza, ukuze kuti, ndakushenxiswa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo. 5Laza lababiza abanye ngabanye abanetyala enkosini yalo, lati kowokuqala: Unetyala elingakananina enkosini yam? 6Wayesiti yena: Lelekulu lebate zeoli. Laza lati kuye: Tabata isiba̔lelo sako, uhlale pantsi msinya, uba̔le amashumi amahlanu. 7Landula lati komnye: Nawe unetyala elingakananina? Wayesiti yena: Lelekulu lekore zenqolowa. Laza lati kuye: Tabata isiba̔lelo sako, uba̔le amashumi asibozo. 8Yaza inkosi yalo yabonga igosa elingalungileyo, ngokuba libe lenzile ngokulumka: ngokuba usapo lwelilizwe likoyo lugqitisile usapo lwokukanya ngokulumka kokwesalo isizukulwana.
9Nam nditi kuni: Zenzeleni abahlobo ngobutyebi obungalungileyo, ukuze kuti, nakupela, banamkele ezintlalweni ezingunapakade. 10Onyanisekile kokuncinane, unyanisekile nakokukulu; nalowo ungongalungile kokuncinane, ungongalungile nakokukulu. 11Ukuba ngoko nibe ninganyanisekile ebutyebini obungalungileyo, ngubanina oya kubekela kuni obenyaniso? 12Nokuba nibe ninganyanisekile kokwomnye, ngubanina oya kuninika okukokwenu? 13Akuko sicaka esingakonzayo inkosi ezimbini: ngokuba siya kutiya enye, sitande enye; okanye, siya kubambelela kwenye, sidele enye. Aningekonze utixo nobutyebi kunye.
14Kekaloku ezizinto zonke zibe ziviwa nangabafarisi abatanda imali, bamsinekela. 15Waza wati kubo: Nina ningabazenza abalungileyo ebusweni babantu; kodwa utixo uyazazi intliziyo zenu: ngokuba oko kuyinto enkulu pakati kwabantu, kuyintshontsho ebusweni bukatixo. 16Umteto nabaprofite bebeko kwada kwako u‐Johane; kuseloko ubukumkani bukatixo buyashunyayelwa, bati bonke bazinyanzelele kubo. 17Kulula ukuba kudlule izulu nomhlaba, ngapezu kwokuba, kutshitshe umgcanyana mnye emtetweni. 18Osukuba elahla umfazi wake, ezeka nomnye, uyaṙexeza; nosukuba ezeka olahliweyo yindoda, uyaṙexeza naye.
19Kodwa bekuko isityebi esitile, esibe sisambata izivato ezibomvu nezeqiya eshiceneyo, siziyolisa imihla ngemihla ngobumnandi obukulu. 20Bekuko nehlwempu elitile, eligama lingu‐Lazarusi, ebelilele ngasesangweni laso, lizele zizilonda, 21linqwenela ukuhlutiswa ngemvutuluka eziwayo etafileni yesityebi; kanjako nezinja zibe zisiza zakota izilonda zalo. 22Kwada kwati ke kwafa ihlwempu, lasiwa zingelosi esifubeni sika‐Abrahame. Safa ke nesityebi, sancw̔atywa. 23Saza sati ehadesi sapakamisa amehlo aso, siba sebuhlungwini, sabona u‐Abrahame ekude, no‐Lazarusi esifubeni sake, 24sabiza ke sati: Bawo Abrahame! yiba netaṙu kum, utume u‐Lazarusi, ukuze afake incam yomnwe wake emanzini, apolise ulwimi lwam; ngokuba ndibulawa kwelilangatye. 25Koko wati u‐Abrahame: Nyana! kumbula ukuba wena wamkela izinto zako ezilungileyo ekudleni kwako ubomi, no‐Lazarusi kwa njalo izinto zobubi: kodwa kaloku nje yena uyonwatyiswa, nawe uyabulawa. 26Kanjako ngapezu kwoku konke, pakati kwetu nani kumisiwe ituba elikulu, ukuze ke abo bafuna ukuwela besuka apa ukuya kuni bakohlwe, nabakona bangaweli ukuza kuti. 27Saza sati: Ndiyakutandaza ngoko, bawo! ukuba umtume endlwini kabawo; 28ngokuba ndinabazalwana abahlanu; ukuze anqi̔ne kubo, ukuba bangezi nabo kulendawo yobuhlungu. 29Wati u‐Abrahame kuso: Bano‐Mosesi nabaprofite; mabeve bona. 30Sati ke sona: Hai, bawo Abrahame! koko xeshekweni ovela kwabafileyo aya kubo, baya kuguquka. 31Kodwa wati kuso: Ukuba abeva u‐Mosesi nabaprofite, abayi kukolwa naxeshekweni umntu avuka kwabafileyo.
Tällä hetkellä valittuna:
Ivangeli ka‐Luke 16: XHO1902A
Korostus
Jaa
Kopioi
Haluatko, että korostuksesi tallennetaan kaikille laitteillesi? Rekisteröidy tai kirjaudu sisään
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: