Ivangeli ka‐Luke 20
20
1Kwaza kwati ngomnye wemihla leyo, nxa ebefundisa abantu etempileni, eshumayela ivangeli, basondela abaperisite abakulu, nababa̔li, kunye nabadala, 2bateta kuye, besiti: Sixelele, uzenza ezizinto ngegunya lanina? umhlaumbi ungubanina owanika kuwe eligunya? 3Koko wapendula wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, nize nindixelele ke. 4Ubapitizesho luka‐Johane beluvela ezulwini, beluvela ebantwini, kusinina? 5Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye? 6Kodwa ukuba siti: Ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye: ngokuba bekoliwe ukuba u‐Johane ebengumprofite. 7Baza bapendula ukuba abazi beluvela pina. 8Wati no‐Yesu kubo: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto.
9Waza waqala ukuteta ebantwini umzekeliso lo: Umntu otile watyala isitiya, wasiqashisela kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe kwada kwakade. 10Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze banike kuso kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa abalimi basityabula, basimkisa singenanto. 11Waza walekela watuma esinye isicaka; neso ke basityabula, basipata ngento ehlazekileyo, basimkisa singenanto. 12Walekela watuma nesesitatu; nesi ke basilimaza, bamku̔pela pandle. 13Waza wati umninisitiya: Ndiya kwenza nto nina? ndiya kutuma unyana wam otandiweyo; kungaba lo bakumbona baya kumhlonela. 14Kodwa bakumbona abalimi abo, babuzana omnye nomnye, besiti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, ukuze ilifa libe leletu. 15Baza bamku̔pela pandle kwesitiya, bambulala. Uya kwenza nto nina ngoko kubo umninisitiya? 16Uya kuza atshabalalise abalimi aba, anike isitiya kwabanye. Bati ke bakuva oko: Kwanga kungebe njalo! 17Kodwa ebakangele wati: Kuyinto nina oku pofu okuba̔liweyo: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi? 18Osukuba esiwa pezu kwelolitye, uya kutyunyuzwa; kodwa lowo liwa pezu kwake, liya kumti viti.
19Baza abaperisite abakulu nababa̔li bafuna ukubeka izandla pezu kwake kwa ngeloxeshana, kanti boyika abantu: ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo.
20BAZA bamgqala, batuma intlola zizenzisa abalungileyo, ukuba zibambe amazwi ake, ukuze bamnikele emandleni nasegunyeni lenkosi. 21Zaza zambuza, zisiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyalungisa ukuteta nokufundisa; kanjalo akubuki isiqu samntu, koko ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso: 22kufanelekile kuti ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? 23Kodwa wanakana ubuqokolo bazo, wati kuzo: Yinina ukuba nindilinge? 24ndiboniseni idenari. Ngokabanina umfanekiso nesiba̔lwa inawo? Zapendula zati: Ngoka‐Kesare. 25Wayesiti kuzo: Nikelani kambe izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto zikatixo kuye utixo. 26Zakohlwa ke kukubamba amazwi ake ebusweni babantu: zaza zatela nqa impendulo yake, zati cwaka.
27Kwaye kusiza kuye abatile bakubasadusi, abakanyelayo ukuba kuko uvuko, bambuza, 28besiti: Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, enomfazi, afe lowo engenabantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. 29Kekaloku bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. 30Waza owesibini wazeka umfazi wake, wati naló wafa engenabantwana. 31Waza owesitatu wamzeka; benje njalo kwa nabasixe̔nxe; abashiya bantwana ke, bafa nokufa. 32Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi. 33Ngako eluvukweni, uba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi. 34Waza wapendula wati kubo u‐Yesu: Usapo lwelilizwe likoyo luyazeka, luyendiswa kanjako; 35kodwa abo babalwa ngokuba befanele ukuzuza elolizwe lizayo, nokuvuka ekufeni, abazeki, abendiswa kanjako: 36ngokuba bengenako nokuba babuye bafe: ngokuba befana nengelosi; kanjalo balusapo lukatixo, belusapo lwaseluvukweni. 37Kodwa ukuba bayavuswa abafileyo, kuxelwe nangu‐Mosesi endaweni yetyolo, akuti uyehova u ngutixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi. 38Kekaloku aka ngutixo wabafileyo, ungowabahleliyo; ngokuba bonke behleli kuye. 39Baza bapendula abatile bakubaba̔li, bati: Mfundisi! ulungisile ukutsho. 40Baye bengabi senakukalipa kwokumbuza nto.
41Wayesiti kubo: Bati nina ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide? 42Kanti u‐Davide ngokwake uti encwadini yamaculo: Wati uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum, 43ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. 44U‐Davide ngoko uyambiza ngenkosi; aze ati nina ke ukuba ngunyana wake?
45Kekaloku nxa bebesiva bonke abantu, wati kubadisipile bake: 46Lumkelani ababa̔li, abafuna ukuhamba ngengubo ezinde, abatanda izibuliso ezindaweni zentengo, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni; 47abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
Tällä hetkellä valittuna:
Ivangeli ka‐Luke 20: XHO1902A
Korostus
Jaa
Kopioi
Haluatko, että korostuksesi tallennetaan kaikille laitteillesi? Rekisteröidy tai kirjaudu sisään
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: