1
INTSHUMAYELI 2:26
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
તુલના કરો
INTSHUMAYELI 2:26 ખોજ કરો
2
INTSHUMAYELI 2:24-25
Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo. Ngokuba ngubani na ongádlayo, ngubani na ongávayo ubumnandi, engenaye?
INTSHUMAYELI 2:24-25 ખોજ કરો
3
INTSHUMAYELI 2:11
Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzáyo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.
INTSHUMAYELI 2:11 ખોજ કરો
4
INTSHUMAYELI 2:10
Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.
INTSHUMAYELI 2:10 ખોજ કરો
5
INTSHUMAYELI 2:13
Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.
INTSHUMAYELI 2:13 ખોજ કરો
6
INTSHUMAYELI 2:14
Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.
INTSHUMAYELI 2:14 ખોજ કરો
7
INTSHUMAYELI 2:21
Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu.
INTSHUMAYELI 2:21 ખોજ કરો