Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 2

2
1KWAYE kusuka indoda yendlu ka‐Levi, yaya yazeka intombi ka‐Levi. 2Waye umfazi lo wamita, wazala unyana; wati akumbona ukuba umhle, wamfihla inyanga zantatu. 3Koko xeshekweni ebengasenako ukumfihla, wamtabatela umkombe wengcongolo, wawusinda ngodaka nangetywina, waza wabeka umntwana kuwo, wabeka wona pakati kwemikanzi ngaselugudwini lwomlambo. 4Waya udade wake wazimisa ekude, ukuze azi into aya kwenziwa yona.
5Kekaloku yehla intombi ka‐Faro ukuya kuhlamba emlanjeni; wati umtinjana wayo wahamba ngasecaleni lomlambo; yaza yabona umkombe pakati kwemikanzi, yatuma isicakazana sayo siye siwuzeke. 6Yati yakuba ivulile, yambona umntwana lowo; kekaloku bona ke, yinkwenkwana ilila; yaza yabetwa lusizi pezu kwayo, yati: Ngowakubo abantwana bama‐Hebere lo. 7Wandul’ ukuti udade wake kwintombi ka‐Faro: Ndoka ndiye na ndikubizele umanyisikazi kuwo ama‐Heberekazi, aze akwanyisele umntwana lo? 8Yaselisiti kuye intombi ka‐Faro: Hamba uye. Yasuka intombazana leyo yaya yabiza unina womntwana. 9Yaza intombi ka‐Faro yati kuye: Susa lomntwana, undanyisele yena, ndandiya kunika umvuzo wako. Waza umfazi lowo watabata umntwana, wamanyisa. 10Wandula wati, akuba mkulu umntwana, wamsa kwintombi ka‐Faro, waza waba ngunyana wayo; eyambiza ngegama elingu‐Mosesi#2:10 Oko kukuti: Or̔oliweyo., yati: Ngokuba ndimr̔olile emanzini.
11Kwaye kute ngezontsuku, nxa selekulile u‐Mosesi, wapuma waya kubo abazalwana bake, wabonela imitwalo yabo; wada wabona um‐Jipete ebeta um‐Hebere, owasebazalwaneni bake. 12Waza wabeka apa napaya, wati, akubona ukuba akuko mntu, wambulala um‐Jipete, wamselela entlabatini. 13Wabuya wapuma ngomhla wesibini, kekaloku nanga amadoda mabini engama‐Hebere engxolisana; waza wati kweyonileyo: Umbeta nganina ummelwane wako? 14Yati yona: Umiselwe ngubanina ukuba ube yinkosi nomgwebi pezu kwetu? Unga ungandibulala na, njengokuba ubulele um‐Jipete? Wandu ukwoyika u‐Mosesi, wati: Ngenyaniso lento yazekile.
15Wati u‐Faro akuba evile lendawo, wafuna ukumbulala u‐Mosesi. Koko wesaba u‐Mosesi ebusweni buka‐Faro, waya wema elizweni le‐Midiyane: wada wahlala pantsi ngasequleni. 16Kekaloku umperisite wase‐Midiyane wanentombi zasixe̔nxe; ezezayo zaka amanzi, zazalisa imijelo, ukuze kusezwe izimvu zoyise. 17Bandula ukuza abalusi, bazigxota; koko wesuka u‐Mosesi wazisiza, waseza izimvu zazo. 18Nxa zibe zifika ku‐Rehule uyise, wati yena: Kunganina ukuba nikaulezile kangaka ukubuya namhla? 19Zati zona: Indoda engum‐Jipete yasihlangula esandleni sabalusi; kanjako yakolisa ukusikelela, yaseza izimvu. 20Waza wati ezintombini zake: Ipina pofu? Iyinina lento niyishiyile indoda leyo? Yibizeni, ize itye isonka. 21Wabe u‐Mosesi evuma ukuhlala nalondoda: yaza yanika u‐Mosesi u‐Tsipora intombi yayo. 22Owazala unyana ke; waye u‐Mosesi ebiza igama lake ngo‐Gereshome#2:22 Oko kukuti: Owasemzini apa.; ngokuba ebesiti: Ndingowasemzini ezweni lasemzini.
23KWAYE kute pakati kwezontsuku zininzi, wafa ukumkani we‐Jipete; lwaye usapo luka‐Sirayeli lwagula ngenxa yenkonzo, lwakala nokukala; kwaza ukubongoza kwalo kwenyukela kutixo ngenxa yenkonzo. 24Weva utixo ukutswina kwalo, wayekumbula utixo ucebano lwake kunye no‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi. 25Waza utixo wabona usapo luka‐Sirayeli, waye utixo enokulwazi.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 2: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia