Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 30

30
1KANJAKO uya kusenza isibingelo sokuqunyiselwa kwesiqumiso; uya kusenza ngemiti yeshitime. 2Soba yikubite nye ubude baso, nekubite nye ububanzi baso; soba namacala mane; nobupakamo baso soba zikubite zimbini: zopuma kwa kuso impondo zaso. 3Wauya kusaleka ngegolide ecocekileyo, ingcopo yaso namacala aso ngento engqongayo, kwa nempondo zaso; uya kusenzela nesitsaba segolide ngento engqongayo. 4Kanjalo uya kusenzela imisesane mibini yegolide ngapantsi kwesitsaba saso, emagumbini aso omabini; uya kuyenza pezu kwamacala aso omabini: yoba zindawo zezibonda zokuba sitwalwe ngazo. 5Izibonda zaso uya kuzenza ngemiti yeshitime, uze uzaleke ngegolide. 6Wauya kusibeka pambi kwekuselo elingakuyo ityeya yesinqi̔no, pambi kwesihlalo sofefe esipezu kwesinqi̔no, apo ndiya kuhlangana nawe kona. 7Woti u‐Arone aqumise pezu kwaso isiqumiso esimnandi; imiso ngemiso, akulungisa izibane, uya kusiqumisa. 8Naxeshekweni u‐Arone aya kumisa izibane pakati kwokuhlwa, wosiqumisa, sibe sisiqumiso esifuti pambi kwoyehova ngezizukulwana zenu. 9Aniyi kunikela pezu kwaso isiqumiso esisimbi, nedini lokutshiswa, nomnikelo wokutya; aniyi kugalela pezu kwaso umnikelo wokusela kanjalo. 10Waye u‐Arone eya kulwenza uxoliso pezu kwempondo zaso kube kanye emnyakeni mnye, ngegazi ledini lesono lokuxolisa; kwoba kanye emnyakeni mnye aya kulwenza uxoliso pezu kwaso ngezizukulwana zenu: yingcwelekazi ke kuyehova.
11Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 12Xeshekweni utabatayo inani labalusapo luka‐Sirayeli ngokubalwa kwabo, baya kwandula banike abanye ngabanye isizi semipefumlo yabo kuye uyehova, nxa ubabalayo; ukuze kungabiko pakati kwabo isibulalo, nxa ubabalayo. 13Oku bokunika, bonke abagqitela kwababalweyo, isiqingata seshekele, engangayo ishekele yeyingcwele indawo; (zigera ezimashumi mabini ishekele leyo;) isiqingata seshekele soba ngumnikelo kuyehova. 14Bonke abagqitela kwababalweyo, bengabaminyaka ingamashumi mabini nabapezulu, ubudala babo, bonika umnikelo kuyehova. 15Osityebi akayi kwandisa, nolihlwempu akayi kuncipisa isiqingata seshekele, ukunika umnikelo kuyehova, ukuba kwenzelwe imipefumlo yenu uxoliso. 16Wauya kutabata imali yokuxolisa kulo usapo luka‐Sirayeli, uyinike ngenxa yenkonzo yentente yentlangano; ukuze ibe yinkumbuzo elusatsheni luka‐Sirayeli pambi kwoyehova, ukuba kwenzelwe imipefumlo yenu uxoliso.
17Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 18Uya kwenza nesihlambelo ngexina, nesikondo saso ngexina kanjalo, kuze kuhlanjwe: wauya kusibeka pakati kwentente yentlangano nesibingelo, uwafake kona amanzi. 19Ngokuba u‐Arone nonyana bake beya kuhlamba kwa kuso izandla zabo nenyawo zabo: 20xeshekweni bangena ententeni yentlangano, baya kuhlamba ngamanzi, ukuba bangafi: naxeshekweni basondela esibingelweni ukukonza, ukuza kutshisa umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova; 21baya kwandula bahlambe izandla zabo nenyawo zabo, ukuba bangafi: oku kwoba ngummiselwa ongunapakade kubo, kwa kuye nakwinzalo yake ngezizukulwana zabo.
22Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 23Uzitabatele wena izimnandi ezidumileyo, imore engcwengileyo ibe zishekele zimakulu mahlanu, nekinamone emnandi ibe sisiqingata selonani, kwa ishekele zimakulu mabini anamashumi mahlanu, nekalame emnandi ibe zishekele zimakulu mabini anamashumi mahlanu, 24nekasiya ibe zishekele zimakulu mahlanu, ezingangayo ishekele yeyingcwele indawo, neoli yamanquma ibe yihine nye; 25uze wenze ngazo ioli yesitambiso esingcwele, amafuta amnandi amanyiweyo ngobuncibi bomenzi wezinukamnandi: yoba yioli yesitambiso esingcwele. 26Wauya kuti ngayo utambise intente yentlangano, netyeya yesinqi̔no; 27netafile, nazo zonke impahla zayo; nekandelare, nempahla zayo; nesibingelo sokuqumisa; 28nesibingelo sedini lokutshiswa, nazo zonke impahla zaso; nesihlambelo, nesikondo saso. 29Wauya kuzingcwalisa, ukuze zibe yingcwelekazi: konke okuzicukumisayo kwoba kungcwele. 30Kanjalo u‐Arone nonyana bake uya kubatambisa, ubangcwalise bona ukuba bandikonze ngobuperisite. 31Nakulo usapo luka‐Sirayeli uya kuteta ngokuti: Le yoba yioli yesitambiso esingcwele kum ngezizukulwana zenu. 32Ayiyi kugalelwa pezu kwenyama yomntu; kanjako aniyi kuyenza efana nayo, ngokulinganiswa kwayo: ingcwele yona, yoba ngcwele kuni. 33Osukuba eyimanya efana nayo, nosukuba ebeka kuyo pezu kwowasemzini, yena uya kunqanyulwa ebantwini bake.
34Wati uyehova kanjako ku‐Mosesi: Zitabatele izimnandi, isitakite, neyonika, negabano, ezizimnandi nentlakamhlope engcwengileyo: enye yolingana nenye. 35Wauya kwenza ngazo isiqumiso, into emanyiweyo ngobuncibi bomenzi wezinukamnandi, imvumvuzelwe ngetyuwa, icocekile, ingcwele. 36Woti inxenye yaso uyityumze icoleke, ubeke kuyo pambi kwesinqi̔no ententeni yentlangano, apo ndiya kuhlangana nawe kona: yoba yingcwelekazi kuni. 37Nesisiqumiso oya kusenza, aniyi kuzenzela nina ngokulinganiswa kwaso: soba yingcwele kuwe ngenxa kayehova. 38Osukuba eya kusenza esifana naso, ukuze sisezelwe, lowo uya kunqanyulwa ebantwini bake.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 30: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia