Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 5

5
1KWABEKUTE kamva, beza u‐Mosesi no‐Arone, bati ku‐Faro: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bandulule abantu bam, baye bandenzele umtendeleko entlango. 2Koko wati u‐Faro: Ungubanina uyehova, okokuba ndipulapule ilizwi lake ukubandulula o‐Sirayeli? uyehova andimazi, no‐Sirayeli andiyi kubandulula. 3Baza bati: Utixo wama‐Hebere uhlangene nati; makesiye ngoko ihambo yemihla ibe mitatu entlango, ukuya kubingela uyehova, utixo wetu, hleze asiwele ngesifo esibubisayo, umhlaumbi ngesiṙele. 4Wandul’ ukuti kubo ukumkani we‐Jipete: Kunganina, Mosesi no‐Arone! ukuba nenze abantu bayeke imisebenzi yabo? hambani niye emitwalweni yenu. 5Walekela wati u‐Faro: Bona ke, abantu belizwe sebebaninzi nje, niya kubapumza na emitwalweni yabo?
6Wati ngoko u‐Faro kwa ngalomini, wayalela inkosi zomsebenzi zabantu, namagosa abo, ngokuti: 7Aniyi kupinda ukunika abantu inca yokwenza izitene, njengexesha lapambili; mabaye bona bazibutele inca. 8Kodwa inani lezitene, babefudula besenza lona pambili, niya kulibeka pezu kwabo noko; aniyi kuncipisa nto kulo: ngokuba benqena; kungoko bakalayo, besiti: Masihambe siye kubingela utixo wetu. 9Maibe inkonzo inzima pezu kwamadoda la, ukuze asebenze kuyo, angabekeli amazwi obuxoki.
10Kwaza kwapuma inkosi zomsebenzi zabantu, namagosa abo, bateta ebantwini, besiti: Utsho u‐Faro ukuti: Andisayi kuninika inca. 11Hambani nina, niye kuzitabatela inca apo ningayifumana kona; kodwa akuyi kuncitshiswa nento enkonzweni yenu. 12Baza abantu batiwa sa kulo lonke ilizwe le‐Jipete, ukuya kubuta indiza endaweni yenca. 13Zasuka inkosi zomsebenzi zanxamisa, zisiti: Fezani imisebenzi yenu, into yemini ngemini yayo, njengokuya bekuko inca. 14Kwaye kubetwa amagosa osapo luka‐Sirayeli, lawo zibe ziwamisile pezu kwalo inkosi zomsebenzi zika‐Faro, kwatiwa: Kunganina ukuba ningafezanga umsebenzi eniwumiselweyo, ngokwenza izitene, kwa izolo nanamhla, njengexesha lapambili?
15Andula amagosa osapo luka‐Sirayeli aya akala ku‐Faro, esiti: Yinina ukuba wenje nje ezicakeni zako? 16Ayiko inca enikelwa izicaka zako; kodwa izitene, kutiwa kuti, nizenze noko: kanjalo, bona ke, izicaka zako zibetwa, kanti ngabantu bako abonayo. 17Kuloko wati: Niyanqena nina, niyanqena; kungoko nitshoyo ukuti: Masiye sibingele uyehova. 18Hambani ke kaloku, nisebenze; ngokuba ningayi kunikwa inca; kodwa inani lezitene niya kunikela lona noko. 19Aza abona amagosa osapo luka‐Sirayeli ukuba asebubini, kusitwa nje: Aniyi kuncipisa nto eziteneni zenu zomsebenzi wenu wemihla ngemihla.
20Aye ehlangana no‐Mosesi no‐Arone, abebemi malungana nawo, ekupumeni kwawo ku‐Faro, 21ati kubo: Makabone uyehova pezu kwenu, agwebe; ngokokuba ivumba letu nilinukisile emehlweni ka‐Faro, nasemehlweni ezicaka zake, kude kunikwe isiṙele esandleni sabo sokusibulala.
22Waza u‐Mosesi wabuyela kuyehova, wati: Nkosi! kunganina ukuba ubapete kakubi ababantu? kunganina lento unditumileyo? 23Ngokuba kwa kuseloko ndafikayo ku‐Faro, ukuza kuteta egameni lako, ubapete kakubi yena ababantu; kanjalo akusindisanga abantu bako nakanye.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 5: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia