Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 26

26
1KWAYE kuko indlala kwelozwe, ngapandle kweyokuqala indlala, ebiko semihleni ka‐Abrahame. Ngako u‐Yisake waya ku‐Abimeleki, ukumkani wama‐Filistiya, e‐Gerari.
2Waza uyehova wabonakala kuye, wati: Ungehli ukuya e‐Jipete; hlala elizweni endiya kukuxelela lona. 3Hlala njengowasemzini kwelilizwe, ndize ndibe nawe, ndikutamsanqele: ngokuba kwa kuwe, nakwinzalo yako, ndiya kunika onke lamazwe; nesifungo endandifunga ngaso ku‐Abrahame uyihlo ndiya kusimisa. 4Ndandiya kwandisa inzalo yako njengenkwenkwezi zezulu, ndinike nokunika kwinzalo yako onke lamazwe: zoda zitanyusanqeliswe ngayo inzalo yako zonke izizwe zomhlaba; 5ngenxa yokuba epulapule u‐Abrahame ilizwi lam, wagcina ingxelo yam, imiyalelo yam, imimiso yam, nemiteto yam.
6Kwa njalo wahlala u‐Yisake e‐Gerari. 7Aza amadoda alondawo ambuza ngomfazi wake; wayesiti: Ngudade wam yena; ngokuba ebesoyika ukuti: Ngumfazi wam; hleze ati amadoda alondawo, watsho, andibulale pezu kwo‐Rebeka; ngokuba yena ebemhle ukubonakala kwake. 8Kwabekute, nxa abesel elenzile ixesha elide kona, wakangela pandle u‐Abimeleki, ukumkani wama‐Filistiya, ngefenstile, wabona, kekaloku, nankuya u‐Yisake edlala no‐Rebeka umfazi wake. 9Waza u‐Abimeleki wambiza u‐Yisake, wati: Ngenyaniso, bona ke, ungumfazi wako yena! bekuyimna ngoko ukuba wabusitsho ukuti: Ngudade wam? Waye u‐Yisake esiti kuye: Ngokuba bendisiti: Hleze ndiya kufa ngenxa yake. 10Wati u‐Abimeleki: Yinto nina le uyenzileyo kuti? anga ebeke omnye ebantwini walala nomfazi wako, waza wena wasingenisa etyaleni. 11Wandula u‐Abimeleki wabayala abantu bonke, esiti: Ocukumisayo lendoda nomfazi wayo uya kubulawa ngenyaniso.
12Waza wahlwayela u‐Yisake elizweni elo, wazuza kwa ngalonyaka amanani angekulu; ngokuba uyehova ebemtamsanqela. 13Yaye indoda leyo yaba nkulu, yamana ukwanda ebukulwini, yada yaba nkulu kakulu. 14Ngokuba ibinayo imfuyo yezimvu, nemfuyo yenkomo, nento eninzi yezicaka; aza ama‐Filistiya aba nomona ngakuyo. 15Ngokuba onke amaqula ezibe ziwembile izicaka zoyise, emihleni ka‐Abrahame uyise, ama‐Filistiya awavingca, awadibelela ngomhlaba kanjalo. 16Waza u‐Abimeleki wati kuye u‐Yisake: Uz’ umke kuti: ngokuba usigqitisile ngamandla kakulu.
17Wandula u‐Yisake wemka apo, wamisa intente yake entilini yase‐Gerari, wahlala kona. 18Wabuya u‐Yisake wemba amaqula amanzi, ababewembile emihleni ka‐Abrahame uyise; ngokuba ama‐Filistiya ebewavingcile emveni kwokufa kuka‐Abrahame; wayebiza amagama awo ngamagama lawo ubewabizile ngawo uyise.
19Zaza izicaka zika‐Yisake zemba entilini leyo, zafumana kona iqula lamanzi apilileyo. 20Basuka abalusi base‐Gerari bapikisana nabo abalusi baka‐Yisake, besiti: Ngawetu lamanzi! ngako wabiza igama lequla elo nge‐Heseke#26:20 Oko kukuti: Ipike., ngokokuba bebepikile naye. 21Baza balimba elinye iqula, bapikisana napezu kwelo; ngako wabiza igama lalo nge‐Sitena#26:21 Oko kukuti: Ubutshaba.. 22Wada wafuduka kona, walimba elinye iqula; elo abapikisana pezu kwalo; ngako wabiza igama lalo nge‐Rehobote#26:22 Oko kukuti: Indawo ebanzi., wati: Ngokuba kaloku uyehova esenzele indawo, size sicume kwelilizwe.
23Wada wenyuka kona waya e‐Beresheba. 24Waye uyehova wabonakala kuye kwa ngobobusuku, wati: Mna ndi ngutixo ka‐Abrahame uyihlo wako; ungoyiki, ngokuba ndinawe; ndandiya kutamsanqela wena, ndiyandise nokuyandisa inzalo yako, ngenxa ka‐Abrahame isicaka sam. 25Waza waka apo isibingelo, wabiza egameni likayehova; wayemisa nentente yake kona: zati izicaka zika‐Yisake zalimba kona iqula.
26Wasuka u‐Abimeleki waya kuye evela e‐Gerari, kwa no‐Hazute umhlobo wake, no‐Fikoli inkosi yempi yake. 27Wayesiti kubo u‐Yisake: Nizele nina nisiza kum, nxa ninditiyileyo, nandindulula kuni? 28Bati bona: Sabona okunene ukuba uyehova unawe: sasisiti ngoko: Makekubeko isifungo pakati kwetu, pakati kwetu nawe; size silwenze ucebano nawe; 29lwokokuba akuyi kusenza into ekohlakeleyo, njengokuba nati singakupatanga kakubi, nanjengokuba sikwenzile wena oko kulungileyo kupela, sada sakundulula ngoxolo. Wena kaloku utanyusanqelwe nguyehova. 30Waza wabenzela isidlo, batya basela nokusela. 31Baye bevuka kusasa, bafungelana; wandula u‐Yisake wabandulula, baza bemka kuye ngoxolo.
32Kwati ke kwa ngalomini, zafika izicaka zika‐Yisake, zashumayela kuye ngendawo yequla ezibe zilimbile, zati kuye: Sifumene amanzi. 33Waza walibiza ngegama eliyi‐Sheba#26:33 Oko kukuti: Sisifungo.: ngako oko igama lesosixeko liyi‐Beresheba#26:33 Oko kukuti: Liqula lesifungo. kude kwanamhla.
34Kekaloku u‐Esau ebeyiminyaka imashumi mane ubudala bake, waza wamzeka abe ngumfazi u‐Judite, intombi ka‐Beri um‐Hete, kwa no‐Basemate, intombi ka‐Eloni um‐Hete: 35abati bona baba bubuṙaṙa bompefumlo ku‐Yisake naku‐Rebeka.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 26: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia