Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 30

30
1Kekaloku akubona u‐Rakele ukuba akazali abantwana ku‐Yakobi, wandula u‐Rakele waba nomona ngakuye udade wake; wayesiti ku‐Yakobi: Ndinike abantwana; okanye ndiya kufa. 2Waza wavuta umsindo ka‐Yakobi ngakuye u‐Rakele, wati: Sendisesikundleni sikatixo na, osibambileyo kuwe isixakato sesizalo? 3Wayesiti: Nali ikobokakazi lam u‐Bileha, ngena kuye; waeya kuzala pezu kwamadolo am, ndize ndizuze abantwana nam ngaye. 4Waza wamnika u‐Bileha ikobokakazi lake abe ngumfazi; waye u‐Yakobi wangena kuye. 5Wada wamita u‐Bileha, wazalela u‐Yakobi unyana. 6Waza wati u‐Rakele: Utixo undigwebele, ulivile ilizwi lam kanjalo, wandinika unyana; ngako oko wambiza ngegama elingu‐Dane#30:6 Oko kukuti: Umgwebi.. 7Wabuya wamita u‐Bileha, ikobokakazi lika‐Rakele, wamzalela u‐Yakobi unyana wesibini. 8Waza wati u‐Rakele: Ngokuzamana okukulu ndizamene nodade wam, ndeyisile kanjalo; ngako wambiza ngegama elingu‐Nefatali#30:8 Oko kukuti: Ukuzamana kwam..
9Kekaloku akubona u‐Leya ukuba ute nqumama ekuzaleni, wandula watabata ikobokakazi lake u‐Zilipa, wamnika ku‐Yakobi abe ngumfazi. 10Wada u‐Zilipa, ikobokakazi lika‐Leya, wazalela u‐Yakobi unyana. 11Waza wati u‐Leya: Liyeza iqela! ngako wambiza ngegama elingu‐Gadi#30:11 Oko kukuti: Iqela.. 12Waye u‐Zilipa, ikobokakazi lika‐Leya, wamzalela u‐Yakobi unyana wesibini. 13Waza wati u‐Leya: Ndinetamsanqa! ngokuba intombi ziya kundibiza ngonetamsanqa; ngako wambiza ngegama elingu‐Ashere#30:13 Oko kukuti: Onetamsanqa..
14Wabe u‐Rubene esiya emihleni yokuvunwa kwenqolowa, wafumana idudai endle, weza nazo ku‐Leya unina. Waza wati u‐Rakele ku‐Leya: Zundipe kuzo idudai zonyana wako. 15Wayesiti kuye: Kuyinto encinane na ukuyisusa kwako indoda yam, okokuba uya kususa idudai zonyana wam nazo? Wati u‐Rakele: Kukona iya kulala nawe ngobubusuku ngenxa yedudai zonyana wako. 16Wati akuza u‐Yakobi evela endle ngokuhlwa, wapuma u‐Leya ukuya kumkaulela, wati: Uya kungena kum; ngokuba ndise ndikuqeshile ngedudai zonyana wam. Waza walala naye ngobusuku obo.
17Waye utixo wapulapula ku‐Leya, owamita, wazalela u‐Yakobi unyana wesihlanu. 18Waza u‐Leya wati: Utixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba ndabendinika ikobokakazi lam endodeni yam; ngako wambiza ngegama elingu‐Yisakare#30:18 Oko kukuti: Umvuzo.. 19Wabuya wamita u‐Leya, wazalela u‐Yakobi unyana wesitandatu. 20Waza u‐Leya wati: Utixo undibasele ngebaso elilungileyo; kaloku indoda yam iya kuhlala nam, ngokuba ndimzalele onyana batandatu; ngako wambiza ngegama elingu‐Zebulone#30:20 Oko kukuti: Indawo yokuhlala.. 21Wati kamva, wazala intombi, wayibiza ngegama elingu‐Dina#30:21 Oko kukuti: Ogwetyelweyo..
22Waye utixo wamkumbula no‐Rakele; ude utixo wapulapula kuye, wavula isizalo sake. 23Waza wamita, wazala unyana; wati: Utixo ukwelelisile udelwa lwam. 24Wambiza ngegama elingu‐Josefe#30:24 Oko kukuti: Uya kwongexa., esiti: Uyehova uya kwongeza kum omnye unyana.
25Kwaye kute, xeshekweni u‐Rakele abemzele u‐Josefe, wati u‐Yakobi ku‐Labane: Ndindulule, ndize ndiye endaweni yakowetu, nasezweni lam. 26Nika abafazi bam, nabantwana bam, endikukonzile ngenxa yabo, ukuze ndimke; ngokuba uyazi wena inkonzo yam endikukonzile ngayo.
27Wati u‐Labane kuye: Ukuba kaloku ndifumene ufefe emehlweni ako, hlala; sendigqalile nje ukuba uyehova unditamsanqele ngetuba lako. 28Wayesiti: Ndibalulele umvuzo wako, ndandiya kunika ngako.
29Waza wati kuye: Uyazi wena ukuba ndite nina ukukukonza, nokuba zite nina ukubako nam inkomo zako. 30Ngokuba okuncinane waunako ndingekezi, sekwandile kwaba kokuninzi; kanjalo uyehova ukutamsanqele ekuhambeni kwam; kodwa kaloku, kuninina endiya kusebenzela nendlu yam?
31Wayesiti: Ndokunika nto nina?
Wati u‐Yakobi: Akuyi kundinika nanye into; ukuba uya kundenzela lento, ndobuya ndiwaluse umhlambi wako ndiwugcine: 32ndiya kucanda kuwo wonke umhlambi wako namhla nje, ndahlukanise kwa kona onke amatakane enamabala nenamasanaṙa, nawo onke amatakane amfusa pakati kwegusha, nawo anamasanaṙa nanamabala pakati kwebokwe; oba ngumvuzo wam anjalo. 33Boda bundinqi̔nele ubulungisa bam ngexesha elisakubako, nxa uzayo pezu kwomvuzo wam, kwa sebusweni bako: zonke ezingenamabala nezingenamasanaṙa pakati kwebokwe, nezingemfusa pakati kwegusha, ezo zikum makutwe zibi̔we.
34Wati u‐Labane: Bona ke, kwanga kungaba njengelizwi lako!
35Waza wahlukanisa kwa ngalomini zonke inkunzi zebokwe ezinala nezinamasanaṙa, nazo zonke imazi zebokwe ezinamabala nezinamasanaṙa, nazo zonke bebukuzo ubumhlope, nazo zonke ezimfusa pakati kwegusha, wazinikela esandleni sonyana bake. 36Wayemisa ihambo yemihla yamitatu pakati kwake no‐Yakobi: wati u‐Yakobi wayalusa imihlambi ka‐Labane eseleyo.
37Wandula u‐Yakobi wazitabatela intswazi zomti welibene oluhlaza, nezoweluze, nezoweharemone, waxwebula kuzo imigca emhlope, ehlubulula ubumhlope obusezintswazini ezo. 38Waya wabeka intswazi abezixwebule emijelweni nasemikombeni yokuselwa kwamanzi, apo imihlambi yeza kona ukusela, ngapambi kwemihlambi, ukuze ikaule ekuzeni kwayo ukusela. 39Yaza yakaula imihlambi ebusweni bentswazi, yandula imihlambi yazala amatakane azinala, nanamabala, nanamasanaṙa. 40Namatakane lawo wawahlula u‐Yakobi, wabekisa ubuso bemihlambi ngakuwo azinala, nawo onke amfusa emhlambini ka‐Labane; waza wayibeka eyake imihlambi yodwa, engayibekanga kuwo umhlambi ka‐Labane. 41Kwaza kwati, nxa zisukuba zikaula ezomeleleyo emihlambini, wabeka u‐Yakobi intswazi pambi kwamehlo emihlambi emijelweni, ukuze zikaule pakati kwentswazi. 42Kodwa nxa zibutataka ezemihlambi, akazibeka; zaza ezibutataka zaba zezika‐Labane, nezomeleleyo zaba zezika‐Yakobi. 43Yada indoda leyo yakolisa ukwanda kakulu, yaba nemihlambi yamininzi, nezicaka, nezicakakazi, nenkamela, namaqwaṙashe.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 30: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia