Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 44

44
1Wada wamyalela opezu kwendlu yake, esiti: Zalisa inxowa zalamadoda ngokutya, njengoko anamandla okukutwala, uyifake imali yamanye ngamanye emlonyeni wenxowa zawo. 2Nebekile yam, eyesilivere ibekile, uyifake emlonyeni wenxowa yomncinane, kwa nemali yenqolowa yake. Waza wenza njengelizwi lika‐Josefe, elo wabetetile lona.
3Kwakuti qip’ ukusa, andululwa lomadoda, wona namaqwaṙashe awo. 4Xa abepumile esixekweni, engekabi kude, wati u‐Josefe kopezu kwendlu yake: Suka, uputume amadoda lawo; uze, wakuwafumana, uti kuwo: Yinina ukuba nipindezele okulungileyo ngokukohlakeleyo? 5Asi yiyo na le, inkosi yam isela ngayo, inyanise nokulaula ngayo? Nikohlakalisile oko nikwenzileyo. 6Wada wawafumana, wateta kuwo kwa lamazwi. 7Aza ati kuye: Kunganina ukuba inkosi yam itete amazwi anjalo? Makube le ezicakeni zako, okokuba zenze njengalento. 8Bona ke, imali esasiyifumene emlonyeni wenxowa zetu, sayibuyisela kuwe sakubuya ezweni le‐Kanane: sabesiya kuti nina ke ukuba̔ endlwini yenkosi yako isilivere negolide? 9Lowo ifunyanwa kuye pakati kwezicaka zako, makafe yena; kanjalo nati soba ngamakoboka enkosini yam. 10Wayesiti: Makube njalo ke, kwa njengamazwi enu: lowo ifunyanwa kuye woba likoboka lam; nina kodwa noba ningenatyala. 11Andula anxama azitulela emhlabeni amanye ngamanye inxowa zawo, avula amanye ngamanye inxowa zawo kanjako. 12Waza wafunisa ke, eqala ngomkulu, egqiba ngomncinane; yada ibekile leyo yafunyanwa enxoweni ka‐Benjamine. 13Basuka baṙazula izivato zabo, batwesa amaqwaṙashe abo abanye ngabanye, babuyela esixekweni.
14Wayesiza u‐Juda nabazalwana bake endlwini ka‐Josefe; ngokuba ebesekona yena; bawa pantsi ke ebusweni bake ngasemhlabeni. 15Waza wati kubo u‐Josefe: Sesinina isenzo esi, enisenzileyo? anazi na ukuba inganyanisa ukulaula indoda enjengam? 16Wati u‐Juda: Siya kuti nina enkosini yam? siya kuteta nto nina? soti nina ukuzilungisa? Utixo nyifumene inkohlakalo yezicaka zako; bona ke, singamakoboka enkosi yam, kwa tina, nalowo yayifunyenwe ibekile esandleni sake. 17Wayesiti: Makube lé kum ukwenje njalo! indoda, ibekile ifunyenwe esandleni sayo, yiyo eya kuba likoboka lam; kodwa nina, nyukani ngoxolo niye kuyihlo.
18Waza u‐Juda wasondela kuye, wati: Ke, nkosi yam! makesitete isicaka sako ilizwi ezindlebeni zenkosi yam, ize ingavuti ingqumbo yako ngakuso isicaka sako; ngokuba ukwa ngango‐Faro wena. 19Inkosi yam yaka yabuza izicaka zayo, isiti: Kuko kuni uyihlo na, ninomninawe na? 20Saza sati enkosini yam: Kuko kuti ubawo, olixego, kwa nomntwana wobuxego bake, omncinane; umkuluwe wake ufile, ukukupela kwoshiyiweyo ngunina yena, kanjalo uyise uyamtanda. 21Wandul, ukuti kwizicaka zako: Mhliseni eze kum, ukuba ndibeke amehlo am pezu kwake. 22Saza sati enkosini yam: Ukohliwe umfana lowo kukumshiya uyise; nxa ashiya uyise, anga uyise eya kufa. 23Waye ubusiti ezicakeni zako: Ukuba umninawe wenu omncinane akehli nani, anisayi kupinda ukubona ubuso bam. 24Kwaza kwati, nxa sibe sinyukele esicakeni sako ubawo, samtyela amazwi enkosi yam. 25Wada wati ubawo: Buyani niye kusitengela intwana yokutya. 26Saza sati: Sikohliwe kukuhla: ukuba umninawe wetu omncinane uko nati, siya kwandula sihle; ngokuba singebe nakubona ubuso bendoda leyo, nxa umninawe wetu omncinane angenati. 27Saye sisiti isicaka sako, ubawo, kuti: Niyazi nina okokuba umfazi wam wabazala kum onyana ababini. 28Waye omnye wapuma kum’; ndaza ndati: Okunene uqwengiwe kanye; ndaye ndingabuyanga ndimbone kwada kwakaloku. 29Ukuba niyamsusa naló kwa sebusweni bam, aze ahlelwe sisenzakalo, izimvi zam niya kuzihlisa ngosizi ngasencw̔abeni. 30Ngako oko ke, ndakufika kwisicaka sako ubawo, umfana engeko nati nje, (ngokuba umpefumlo wake ubotshelwa empefumlweni walowo,) 31kuya kuti, akubona ukuba umfana akako, andule afe; zaye izicaka zako ziya kuhlisa izimvi zesicaka sako, ubawo wetu, ngosizi ngasencw̔abeni. 32Ngokuba isicaka sako sabambisela umfana lowo kubawo, ndisiti: Ukuba andimzisi kuwe, mandandule ukunikwa ityala ngubawo yonke imihla yam. 33Ngako oko ke, makesihlale isicaka sako esikundleni somfana sibe likoboka enkosini yam, aze umfana enyuke nabakuluwe bake. 34Ngokuba ndiya kuti nina ukunyuka ndiye kubawo, nxa umfana angenam? hlezibe ndibone ubunzima obuya kumhlela ubawo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 44: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia