Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 49

49
1WAYE u‐Yakobi ebiza onyana bake, wati: Zibuteni, ndandiya kunixelela oko niya kuhlelwa kuko emihleni yasemva. 2Zihlanganiseni, nipulapule, bonyana baka‐Yakobi! pulapulani ku‐Sirayeli uyihlo wenu.
3Rubene! ungowamazibulo wam wena, amandla am, nokuqala kwokwomelela kwam; indluliselo yobungangamsha, nendluliselo yobukulu; 4upupuma nje njengamanzi, akuyi kudlulisela; ngokuba ubunyukela esililini soyihlo wako; wandula ukusinco̔lisa: wenyuka yena pezu kwomandlalo wam.
5U‐Simone no‐Levi ngabazalwana; zizixo̔bo zobudlwengu iziṙele zabo. 6Ungangeni esihlelweni sabo, mpefumlo wam! ungazibandakanyi entlanganisweni yabo, bungcwalisa bam! ngokuba engqunjeni yabo babulala amadoda, nangenkani yabo basika inkabi umbotshwa. 7Mauqalekiswe ingqumbo yabo, ngokuba ibujoṙa; kwa nomsindo wabo, ngokuba ulukuni: ndiya kubahlulahlula kwa‐Yakobi, ndibati sa kwa‐Sirayeli.
8Juda! wena abazalwana bako bokudumisa; isandla sako soba sentanyeni sentshaba zako; baya kuziqubuda pambi kwako onyana boyihlo. 9U‐Juda ulitole lengonyama; unyukile ekuqwengeni, nyana wam! Watoba, wati butu njengengonyama, nanjengengonyamakazi; ngubanina oya kumvusa? 10Intonga yobukumkani ayiyi kumka ku‐Juda, nomnikamteto pakati kwenyawo zake, ade afike u‐Shilo: kwa yena izizwe ziya kumlulamela. 11Uyanxibelela emtini weveyine iqwaṙashana lake, nasemtini weveyine odumileyo itole leqwaṙashekazi lake; uyahlanza kuyo iveyine isivato sake, nasegazini ledreyive ingubo yake: 12amehlo ake abomvu ngayo iveyine, namazinyo ake amhlope ngawo amasi.
13U‐Zebulone wohlala ngaselunxwemeni lwelwandle; woba ngaselunxwemeni lwasezinqanaweni: icala lake lofikelela e‐Tsidone.
14U‐Yisakare liqwaṙashe elomeleleyo, lite butu pakati kwezibaya. 15Waebona indawo yokupumla ukuba ilungile, nelizwe ukuba limnandi; wandula watoba igxalaba lake ekutwaleni, wanikela ngenkonzo.
16U‐Dane uya kugweba abantu bake, njengesinye sezizwe zakwa‐Sirayeli. 17U‐Dane woba yinyoka endleleni, iṙamba emendweni, elilumayo izitende zehashe, aze awe ngomva okwele kulo.
18Usindiso lwako ndilutembele, Yehova!
19U‐Gadi iqela liya kumwela; kanti uya kuwela abasemva yena.
20Kwa‐Ashere isonka sake siya kutyeba; waeya kunika izimnandi zokumkani.
21U‐Nefatali libadikazi elindululweyo; uyanika amazwi amahle.
22U‐Josefe lisebe eliqa̔mileyo, lisebe eliqa̔mileyo ngasemtonjeni, elimagatya anabelayo pezu kwodonga. 23Abatoli bamcapukisile, batola, bamzonda; 24koko isipeta sake sahlala sisebunqobeni, nengalo zezandla zake zazomelele. Kuzo izandla zosomandla ka‐Yakobi, kwa kona apo, kuye umalusi, ilitye lika‐Sirayeli, 25kutixo woyihlo wako, oya kukunceda, nakonamandla onke, oya kukutamsanqela, makuvele amatamsanqa asezulwini evela pezulu, namatamsanqa asenzulwini ilele ngapantsi, amatamsanqa amabele, nawesizalo. 26Amatamsanqa oyihlo wako anamandla pezu kwamatamsanqa omakulu bam, kude kube semdeni wenduli ezingunapakade: oba sentloko ka‐Josefe, naselukakayini lwalowo ube wahlukene nabazalwana bake.
27U‐Benjamine uya kuqwenga njengencu̔ka: kusasa wodla okubanjiweyo, nangokuhlwa uya kwaba okutinjiweyo.
28Bonke aba bazizizwe zo‐Sirayeli zilishumi linazibini: kuko oku wabekuteta kubo uyise wabo, akubatamsanqela; abanye ngabanye wabatamsanqela njengawabo amatamsanqa. 29Waza wabayolela, wati kubo: Ndiza kubutelwa ebantwini bam; ndincw̔abeni nobawo bam emqolombeni osentsimini ka‐Hefrone um‐Hete; 30emqolombeni osentsimini yase‐Makapela, epambi kwe‐Mamre, elizweni le‐Kanane, lowo wawutengayo u‐Abrahame kunye nentsimi ka‐Hefrone um‐Hete, ube yimfuyo yendawo yokuncw̔aba. 31Kwa lapo bamncw̔aba u‐Abrahame, no‐Sara umfazi wake: apo bamncw̔aba u‐Yisake, no‐Rebeka umfazi wake; nalapo ndamncw̔aba u‐Leya. 32Bekutengwa intsimi leyo, nomqolomba okuyo, elusatsheni luka‐Hete.
33Wandula u‐Yakobi, akuba egqibile ukuyolela onyana bake, wafinyeza inyawo zake emandlalweni, wapuma umpefumlo, wabutelwa ebantwini bake.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 49: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia