1
KWABASEKORINTE I 12:7
IZIBHALO EZINGCWELE
Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke
Thelekisa
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:7
2
KWABASEKORINTE I 12:27
Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:27
3
KWABASEKORINTE I 12:26
kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:26
4
KWABASEKORINTE I 12:8-10
kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya; wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya; omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:8-10
5
KWABASEKORINTE I 12:11
Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:11
6
KWABASEKORINTE I 12:25
ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:25
7
KWABASEKORINTE I 12:4-6
Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye. Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye. Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:4-6
8
KWABASEKORINTE I 12:28
Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile,• okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:28
9
KWABASEKORINTE I 12:14
sonke sasezwa Moyeni mnye; kuba nomzimba lo ungèlungu linye, ungamaninzi.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:14
10
KWABASEKORINTE I 12:22
Asuka amalungu omzimba angáthi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo.
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:22
11
KWABASEKORINTE I 12:17-19
Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela? Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?
Phonononga KWABASEKORINTE I 12:17-19
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo