1
UISAYA 45:3
IZIBHALO EZINGCWELE
ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 45:3
2
UISAYA 45:2
ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi
Phonononga UISAYA 45:2
3
UISAYA 45:5-6
NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim. Ndakubhinqa ungàndazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi.
Phonononga UISAYA 45:5-6
4
UISAYA 45:7
NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.
Phonononga UISAYA 45:7
5
UISAYA 45:22
Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi.
Phonononga UISAYA 45:22
6
UISAYA 45:1
Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulùle amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa
Phonononga UISAYA 45:1
7
UISAYA 45:23
Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi
Phonononga UISAYA 45:23
8
UISAYA 45:4
Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho, ndakuthiya namanye amagama, ungàndazi.
Phonononga UISAYA 45:4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo