1
UYOHANE 19:30
IZIBHALO EZINGCWELE
Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.
Thelekisa
Phonononga UYOHANE 19:30
2
UYOHANE 19:28
Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe.
Phonononga UYOHANE 19:28
3
UYOHANE 19:26-27
UYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho! Andule athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa, umfundi lowo wamthabatha, wamsa kwikhaya lakhe.
Phonononga UYOHANE 19:26-27
4
UYOHANE 19:33-34
Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe. Lesuka elinye isoldati lamhlaba ngomkhonto ecaleni; kwaoko kwaphuma igazi namanzi.
Phonononga UYOHANE 19:33-34
5
UYOHANE 19:36-37
Kuba zenzeka ezi zinto, ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kutyunyuzwa thambo lakhe. Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.
Phonononga UYOHANE 19:36-37
6
UYOHANE 19:17
Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi
Phonononga UYOHANE 19:17
7
UYOHANE 19:2
Amasoldati, eluke isithsaba ngameva, asibeka phezu kwentloko yakhe, amthi wambu ngengubo ebomvu
Phonononga UYOHANE 19:2
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo