Utsho ke *uNdikhoyo,
uMkhululi wakho,
uYedwa kaSirayeli:
“Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
Ndikufundisa nje kaloku ndiyakunceda;
ndikufaka endleleni ekufaneleyo.
Akwaba wawuyiphulaphule imiyalelo yam.
Ngelumpompoza njengamanzi uloyiso lwakho,
budlobe okwamaza ubulungisa bakho.