1
ULUKA 13:24
IBHAYIBHILE
“Zamani ukungena ngesango elimxinwa. Ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bangabi nako.
Thelekisa
Phonononga ULUKA 13:24
2
ULUKA 13:11-12
Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.”
Phonononga ULUKA 13:11-12
3
ULUKA 13:13
Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.
Phonononga ULUKA 13:13
4
ULUKA 13:30
Niyabona ke, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala, bekho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.”
Phonononga ULUKA 13:30
5
ULUKA 13:25
“Xa selethe waphakama umninindlu, wavala emnyango, nothi nina, nime ngaphandle, ninkqonkqoze emnyango, nisithi: ‘Nkosi, sivulele.’ Wophendula ke umninindlu, athi kuni: ‘Andinazi apho nivela khona.’
Phonononga ULUKA 13:25
6
ULUKA 13:5
Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.”
Phonononga ULUKA 13:5
7
ULUKA 13:27
Kodwa yena wothi: ‘Inene, andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nina nonke benzi bobubi.’
Phonononga ULUKA 13:27
8
ULUKA 13:18-19
Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na? Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.”
Phonononga ULUKA 13:18-19
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo