1
KWABASEROMA 4:20-21
IBHAYIBHILE
Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo, eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo.
Thelekisa
Phonononga KWABASEROMA 4:20-21
2
KWABASEROMA 4:17
njengokuba zisitsho *iziBhalo ukuthi: “Ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.” KuThixo ke uAbraham ngubawo wethu sonke; lo Thixo uAbraham athe wakholwa kuye; lo Thixo unika abafileyo ubomi; lo Thixo uthetha ngelizwi zitsho izinto ezingekabikho zibekho.
Phonononga KWABASEROMA 4:17
3
KWABASEROMA 4:25
yena owanikelwa ekufeni ngenxa yezono zethu, waza wabuya wavuswa, ukuze thina sibe ngamalungisa.
Phonononga KWABASEROMA 4:25
4
KWABASEROMA 4:18
UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.”
Phonononga KWABASEROMA 4:18
5
KWABASEROMA 4:16
Ngoko ke ilifa lifunyanwa ngokukholwa, oko kukuthi ngesisa. Ngale ndlela isithembiso simiselwe yonke inzala ka-Abraham. Le nzala ke asingabo nje abo bawugcinayo umthetho, kodwa ikwangâbo bakholwayo njengaye. Kaloku uAbraham ngubawo wethu sonke
Phonononga KWABASEROMA 4:16
6
KWABASEROMA 4:7-8
“Hayi uyolo lwabaluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo, abazono zabo zingcwatyiweyo. Unoyolo lowo ithe iNkosi ayazibalela kuye izono zakhe.”
Phonononga KWABASEROMA 4:7-8
7
KWABASEROMA 4:3
Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”
Phonononga KWABASEROMA 4:3
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo