Izixhobo ziya kuma phambi kwakhe, yaye ziya kuyenza inqambi ingcwele yendawo enqatyisiweyo kwaye ziwususe umbingelelo wemihla ngemihla zibeke izinto ezinezothe eziphanzisayo. Abawuphatha kakubi umnqophiso, wobatshabalalisa ngobuqhophololo; ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo baya kuqina, bathabathe inyathelo.