1
uYohane uYohane 11:25-26
Contemporary Xhosa Bible 2024
Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; Uyakholwa na koko?
Thelekisa
Phonononga uYohane uYohane 11:25-26
2
uYohane uYohane 11:40
Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?
Phonononga uYohane uYohane 11:40
3
uYohane uYohane 11:35
Walila uYesu.
Phonononga uYohane uYohane 11:35
4
uYohane uYohane 11:4
Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.
Phonononga uYohane uYohane 11:4
5
uYohane uYohane 11:43-44
Akuba etshilo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma. Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.
Phonononga uYohane uYohane 11:43-44
6
uYohane uYohane 11:38
Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye phezu kwawo.
Phonononga uYohane uYohane 11:38
7
uYohane uYohane 11:11
Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, uLazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse ebuthongweni.
Phonononga uYohane uYohane 11:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo