UYOHANE 6
6
Ukutyiswa kwesihlwele
(UMat. 14:15-21)
1Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya. 2Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa.
3Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe. 4Yaye ke ikufuphi ipasika,• umthendeleko wamaYuda. 5Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba? 6Úbesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza. 7UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo• ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.
8Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros, 9Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana? 10Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani. 11Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi bábela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.
12Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto. 13Babutha ngoko, bazalisa izitya zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonkeni ezihlanu zerhasi.
14Ngoko abantu aba, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini. 15Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni yena yedwa.
UYesu uhamba phezu kolwandle
(UMat. 14:22-34)
16Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle. 17Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo. 18Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu.
19Bakuba ngoko begweqile izitadiya• ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika. 20Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika. 21Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.
UYesu usisonka sobomi
22Ngengomso indimbane leyo, ìbimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemké bodwa abafundi bakhe; 23nokuba kuzé eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi: 24xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu.
25Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi,• ufike nini na apha? 26Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezo zonka, nahlutha. 27Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. 28Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? 29Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.
30Bathi ngoko kuye, Wènza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe? 31Usebenza ntoni na? Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. 32Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. 33Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.
34Bathi ke ngoko kuye, Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke.
35Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. 36Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko. 37Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; 38ngokuba ndihle emazulwini, ndingàze kwenza ukuthanda kwam; ndizé kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. 39Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. 40Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.
41Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. 42Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?
43Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu. 44Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. 45Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum. 46Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo.
47Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade. 48Ndim isonka sobomi. 49Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. 50Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi. 51Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.
52Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angáthini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?
53Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. 54Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. 55Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. 56Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. 57Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam. 58Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade.
59Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum.
UYesu ushiywa ngabafundi abaninzi. Isivumo sikaPetros
60Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva?
61Ke kaloku, esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku? 62Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? 63Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. 64Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela. 65Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.
66Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye. 67Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na? 68Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. 69Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu,• uNyana kaThixo ophilileyo.
70Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi. 71Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.
Currently Selected:
UYOHANE 6: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.