UYONA 2

2
Umthandazo kaYona nokuhlangulwa kwakhe
1UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi,
Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni,
Wandiphendula;
2Ndazibika ndisesiswini selabafileyo,
Waliva wena ilizwi lam.
3Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle,
Umlambo waba ngeenxa zonke kum;
Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.
4Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho;
Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.
5Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni;
Andijikeleza amanzi enzonzobila;
Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.
6Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba;
Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade;
Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.
7Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova;
Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.
8Abagciné amampunge angento yanto
Bashiya inceba yabo
9Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela;
Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa.
Usindiso lukuYehova.
10UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo.

Currently Selected:

UYONA 2: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena