UMATEYU 15

15
Isithethe samanyange
(UMarko 7:1-23)
1Bafike oko kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi, 2Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.
3Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu? 4Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa. 5Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, úkholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina. 6Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu. 7Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,
8Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo,
Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo;
Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;
9Bafumana ke bendihlonela,
Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.
(UIsaya 29:13)
10Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde. 11Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.
12Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka? 13Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa. 14Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.
15Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso. 16Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku? 17Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese? 18Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu. 19Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa. 20Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.
UmKananekazi
(UMarko 7:24-30)
21Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon. 22Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndénzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. 23Akamphendula ke nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule, ngokuba usilandela ekhala. 24Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. 25Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndisize. 26Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. 27Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. 28Waza ke waphendula uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa.
Ukutyiswa kwamawaka amané
(UMarko 8:1-10)
29Esukile apho, uYesu weza ngaselwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi khona. 30Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa; 31zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.
32Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni. 33Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana? 34Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa.
35Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. 36Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. 37Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele. 38Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amané amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
39Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.

Currently Selected:

UMATEYU 15: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena