Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 1
1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, no‐Silivane, no‐Timote, kwiṙemente yama‐Tesalonika e kutixo ubawo wetu nenkosi u‐Yesu Kristu: 2Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3Sifanelwe kukubulela kutixo ngamaxesha onke ngenxa yenu, bazalwana! njengokuba kufanelekile, ukuba ukolo lwenu lukula kakulu, nokuba utando lwomnye nomnye wenu nonke omnye ngakwomnye lukolisa ukwanda; 4side tina ngokwetu siqa̔yise ngani eziṙementeni zikatixo, ngenxa yomonde wenu nokolo kuzo zonke intshutshiso zenu nemibandezelo eniyinyamezelayo: 5okusisiboniso sokugweba okulungileyo kukatixo, nize nibalwe ukuba nifanele ubukumkani bukatixo, enivayo intlungu ngenxa yabo kanjalo; 6ukuba ke kulungile pambi kwotixo ukuvuza abo banibandezelayo ngembandezelo, 7nani nina enibandezelwayo ngokupumla ndawonye nati, ekutyilweni kwenkosi u‐Yesu ivela ezulwini ndawonye nengelosi zamandla ayo 8emlilweni odangazelayo, isenza impindezelo kubo abangamaziyo utixo, nakubo abangalulameli ivangeli yenkosi yetu u‐Yesu Kristu: 9aboti ukubetwa kwabo, boba nembujiswa engunapakade, bekude ebusweni benkosi, nasebungcwaliseni bobomelelo bayo; 10okuya iya kufika ukuza kwenzelwa ubungcwalisa kubangcwele bayo, nokutelwa nqa kubo bonke abakolwayo, (kuba bekukolwa kuko ukunqina kwetu kuni,) emhleni lowo.
11Esiti ngako sitandaze kanjalo ngamaxesha onke ngenxa yenu, ukuba utixo wetu anibale ukuba nifanele ubizwa lwenu, nokuba azalisekise konke ukukolisa kwokulunga nomsebenzi wokolo ngamandla; 12ukuze igama lenkosi yetu u‐Yesu Kristu lenzelwe ubungcwalisa kuni, niti nani nenzelwe ubungcwalisa kuye, ngokwofefe lwake utixo wetu nenkosi u‐Yesu Kristu.
Currently Selected:
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: