Izenzo zabapostile 11
11
1Kekaloku abapostile, nabazalwana abebese‐Judeya, beva ukuba nabaheyideni bebelamkele ilizwi likatixo. 2Baza bati, xeshekweni u‐Petrosi ebenyukele e‐Yerusaleme, abo bakulo ulwaluko bapika naye, 3besiti: Wabungena kumadoda angalukanga, watya ndawonye nawo. 4Kodwa waqala u‐Petrosi wabaca̔zela indawo ngendawo, esiti: 5Ndibe ndisesixekweni se‐Jopa nditandaza; ndaza ndabona ndikulo ipupaṙa umboniso, impahla etile njengeqiya enkulu isihla, ihliswa ezulwini ngamancam omane, yada yafika kwa kum; 6endati ndakubeka amehlo pezu kwayo ndagqala, ndabona izilo zomhlaba ezinyawo zine, namar̔amncwa, nento ezinambuzelayo, nentaka zezulu. 7Ndaza ndeva ilizwi lisiti kum: Suka, Petrosi! xe̔la utye. 8Kodwa ndati: Nakanye, Nkosi! ngokuba kungazanga kungene emlonyeni wam nanye into engengcwele nenco̔lileyo. 9Koko kwandipendula ilizwi ngokwesibini livela ezulwini, lisiti: Oko akuhlanzileyo utixo, ungakwenzi okungengcwele wena. 10Oku ke kwenziwa katatu: zaza zonke ezonto zabuya zanyuselwa ezulwini. 11Kwasuka, bona ke, kwa oko kwema amadoda amatatu pambi kwendlu endandikuyo, esusiwe e‐Kesareya ukuza kum. 12Waza umoya wandixelela ukuba ndiye nawo, ndingatandabuzi nto. Kanjako bandipeleka nabazalwana aba abatandatu, saza sangena endlwini yendoda leyo; 13eyasishumayeza okokuba ibibonile ingelosi endlwini yayo, eyema yati kuyo: Tuma amadoda e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi; 14oya kukutyela amazwi, oya kusindiswa ngawo wena, nayo yonke indlu yako. 15Kekaloku ndakuqala ukuteta, umoya oyingcwele wabawela, njengokuba wabesiwela nati ekuqaleni. 16Ndaza ndakumbula ilizwi lenkosi, lokokuba yabisiti: u‐Johane okunene wabapitizesha ngamanzi; kodwa nina nobapitizeshwa ngomoya oyingcwele. 17Ukuba ngoko utixo wanika kubo isipo esilingana neso wasinika nakuti, bakukolwa kwinkosi u‐Yesu Kristu, bendingubanina pofu mna, ukuba ndibe nako ukumalela utixo? 18Bati bakuva ezizinto bayeka, badumisa utixo, besiti: Kwa nje ke nakubo abaheyideni utixo ulunikile uguquko bube bubomi.
19KEKALOKU abo ke ababetiwe sa ngayo imbandezelo eyabako pezu kwo‐Stefane, bahambela kwa se‐Fenisi, nase‐Kiperusi, nase‐Antiyoki, beteta ilizwi kuma‐Juda odwa kupela. 20Baye inxenye kubo bengamadoda ase‐Kiperusi nawase‐Kirene, abati bakufika e‐Antiyoki, bateta kuba‐Girike, beshumayela inkosi u‐Yesu. 21Saye sinabo isandla senkosi; laza inani elikulu lakolwa, laguqukela enkosini.
22Kwaye kuvakala indaba ezindlebeni zeṙemente ebise‐Yerusaleme ngazo ezizinto: baza basusa u‐Banabasi ukuya kuhambela kwa se‐Antiyoki: 23owati efikile nje, nofefe lukatixo elubonile, wavuya, wabayala bonke ukuba mabati ngemvume yentliziyo banamatele kwinkosi. 24Ngokuba ebeyindoda elungileyo, ezele ngumoya oyingcwele nalukolo. Saza isihlwele esikulu songezelelwa kwinkosi.
25Waza u‐Banabasi wemkela e‐Tarese ukuya kufuna u‐Saulusi; 26owati akuba emfumene, wamzisa e‐Antiyoki. Kwaza kwati, bahlanganisana neṙemente umnyaka upela, bafundisa isihlwele esikulu: kanjako abadisipile baqala e‐Antiyoki ukubizwa ngegama laba‐Kristu.
27Kwezintsuku ke kwehla abaprofite e‐Yerusaleme beza e‐Antiyoki. 28Waza wesuka omnye kubo, ogama lalingu‐Agabusi, waqondisa ngomoya ukuba indlala enkulu iza kubako kulo lonke ilizwe; eyehlayo kanjalo emihleni ka‐Kilodiyusi Kesare. 29Baza bati abadi sipile, njengokuba umntu ebenamandla, bazimisela abanye ngabanye ukuba batume usizo kubazalwana ababehlala e‐Judeya: 30abati oko kanjalo bakwenza, belutumile kubadala ngesandla so‐Banabasi no‐Saulusi.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: