Izenzo zabapostile 21
21
1Naxeshekweni bekute ukuba sahlukana nabo sanduluka, sati ngqo ukuselisha seza e‐Kose, nangomhla olandelayo e‐Rodo, sati sisuka kona seza e‐Patara. 2Saza sifumene inqanawa iwela ukuya e‐Fenisi, sangena sanduluka. 3Kekaloku kwakubonakala i‐Kiperusi, sayishiya ngasekohlo, saselishela e‐Siriya, safikela emhlabeni e‐Tire: ngokuba bekulapo inqanawa ibiya kutula umtwalo wayo. 4Saza sakuba sibafumene abadisipile, salibala kona intsuku zasixe̔nxe; ababesiti ku‐Paulusi ngomoya, makanganyukeli e‐Yerusaleme. 5Sati okuya bekute ukuba sagqibela ukufeza ezontsuku, semka sahamba, besipelekelela bonke, kunye nabafazi nabantwana, kude kwangapandle kwesixeko; saza saguqa ngamadolo elunxwemeni, satandaza. 6Saza sakuba sibulisene, saya sangena enqanaweni; bati bona babuyela emakayeni abo.
7Sati ke tina siyigqibele intselisho yetu sivela e‐Tire, seza kufika e‐Tolemayi; saza sibabulisile abazalwana, sahlala kubo umhla wamnye. 8Nangomnye umhla u‐Paulusi nati babenaye semka seza e‐Kesareya, sangena endlwini ka‐Filipi umvangeli, obengowabasixe̔nxe, sahlala kuye. 9Yena ke lo ebenentombi zazine, zizintombi zipela, ezaziprofitesha. 10Kekaloku nxa sibe silibala kona imihla yamininzi, kwehla e‐Judeya umprofite otile ogama lalingu‐Agabusi; 11weza ke kuti, watabata umbinqo ka‐Paulusi, wabopa ezake izandla nenyawo, wati: Utsho umoya oyingcwele ukuti: Londoda umbinqo lo ungowayo, ama‐Juda aya kwenje njalo ukuyibopa e‐Yerusaleme, aeya kuyinikela ezandleni zabaheyideni. 12Naxeshekweni sevayo ezizinto, sambongoza tina, kwa nabo balondawo ukuba, makanganyukeli e‐Yerusaleme. 13Kodwa u‐Paulusi wati ukupendula: Nenza nina nilila nidanisa intliziyo yam? ngokuba mna sendihlalele ukuba ndingabotshwa kodwa, koko nokuba ndifele e‐Yerusaleme, ngenxa yegama lenkosi u‐Yesu. 14Kekaloku nxa ebengenakweyiswa, sayeka, sisiti: Intando yenkosi mayenziwe.
15Sati emveni kwezontsuku sabopa impahla yetu, senyukela e‐Yerusaleme. 16Kwaya nabatile bakubo abadisipile base‐Kesareya kunye nati, bezisa umntu otile, u‐Mnasone wase‐Kiperusi, obekade engumdisipile, ebesiya kuhlala kuye.
17KEKALOKU sakufika e‐Yerusaleme, abadisipile basamkela ngovuyo. 18Wati ngomhla olandelayo wangena u‐Paulusi kunye nati ku‐Yakobi; bebeko bonke abadala nabo. 19Waza akuba ebabulisile, wabalisa ezozinto utixo ubezenzile pakati kwabaheyideni ngobukonzi bake ezinye ngezinye. 20Bati bona bakuva, bayidumisa inkosi; baza batsho kuye ukuti: Uyabona, mzalwana! ukuba mangapina amawaka ama‐Juda akoliweyo; kanjako onke ayazondelela umteto: 21kekaloku atyelwe ngawe ukuba onke ama‐Juda apakati kwabaheyideni uyawafundisa ukupambuka ku‐Mosesi, usiti makangalusi abantwana bawo, makangahambi ngamasiko kanjalo. 22Kwotiwa nina ngoko? umhlambi ufanele kunene ukuba ubutane; ngokuba beya kuva ukuba ufikile. 23Yenza ngoko oku sikutsho kuwe: Kuko kuti amadoda amane enesibambiso pezu kwawo; 24wona la watabate nawe, uzicokise kunye nawo, uwenzelelele ekunikeleni, ukuze azigugule intloko; baze bonke bazi ukuba ezonto batyelwe zona ngawe aziluto, koko ukuba nawe ngokwako uyahamba ngokubamba umteto. 25Kodwa abaheyideni abakoliweyo sagweba saba̔la ngabo ukuba bangayigcini into enjalo, kupela ukuba balumkele okubingelwe izitixo, negazi, nokuṙwishiweyo, nombulo.
26Wandula u‐Paulusi wawatabata na ye amadoda lawo, wati ngomhla olandelayo, akuba ezicokisile kunye nawo, wangena etempileni, esazisa ukuzaliseka kwemihla yokucokisa, kwada kwanikelwa umnikelo ngenxa yawo amanye ngamanye.
27Kekaloku xeshekweni leyomihla isixe̔nxe ibiza kupela, ati ama‐Juda ase‐Asiya, akumbona etempileni, apitizelisa sonke isihlwele, abeka izandla pezu kwake, 28edanduluka ngokuti: Madoda, bo‐Sirayeli! ncedani. Nguye lo umntu ofundisayo bonke kuzo zonke indawo ngakubo abantu, nomteto, nalendawo; ote nakanjako wangenisa nama‐Girike etempileni, enco̔lisile lendawo engcwele. 29(Ngokuba ebesel’ ebonile u‐Trofimo um‐Efese esixekweni kunye naye, abebeba u‐Paulusi wamngenisa etempileni.) 30Saza savuselelwa isixeko sonke, kwasuka kwabako imbutumbutu yabantu; baza bambamba u‐Paulusi, bamr̔olela pandle kwetempile; zasezivalwa ke ingcango.
31Kekaloku nxa bebefuna ukumbulala, zafika indaba kwinkosiwaka yebandla, zokuba i‐Yerusaleme yonke ipitizele: 32eyati kwa oko yatabata nayo amasodati nenkosikulu, yehla yaya kubo ngokubaleka. Bati bona bakubona inkosiwaka namasodati, bayeka ukubeta u‐Paulusi. 33Yandula yasondela inkosiwaka yambamba, yaxela ukuba anxitywe ngemixokelelwane emibini; yaza yabuza ukuba angaba ngubanina, nokuba yinto nina ayenzileyo. 34Kodwa abanye bebememeza ngento etile, nabanye ngento yimbi, pakati kwesihlwele: yaza yakukohlwa kuyazi inyaniso yendawo ngenxa yesipitipiti, yaxela ukuba asiwe elalini yamasodati. 35Kwaza kwati, xeshekweni wafika pezu kwezinyukelo, watwalwa ngamasodati ngenxa yokunyanzela kwesihlwele: 36ngokuba umhlambi wabantu ubulandela, udanduluka ngokuti: Msuse yena!
37Waza u‐Paulusi esakungeniswa elalini yamasodati wati kwinkosiwaka: Ndingateta into kuwe kusinina? Yati ke yona: Uyakwazi ukuteta ngesi‐Girike na? 38akunguye na kambe lowam‐Jipete owati ngapambili kwezintsuku wenza impitimpiti, wakokela ngasentlango lomadoda amawaka mane abengabagwazi? 39Kodwa wati u‐Paulusi: Mna ndingumntu ongum‐Juda, um‐Tarese, umhlali wesixeko esingesesingenaludumo sase‐Silisiya: ndiyakukunga ke, ndivumele ukuba nditete kubo abantu. 40Kekaloku yakuba imvumele, u‐Paulusi, emi pezu kwezinyukelo, wakoba ngesandla ebantwini. Kwati kwakutwa cwaka kakulu, wateta kubo ngokuteta kwama‐Hebere, esiti:
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: