U‐Yisaya 41
41
1YITINI cwaka pambi kwam, ziqiti! nabantu mabahlaziye amandla; mabeze kufupi, bandule batete; masisondele kunye ekugwebeni.
2Ngubanina owavusa empumalanga olungileyo, wambizela elunyaweni lwake? unikele izizwe pambi kwake, wampatisa okumkani; wenze isiṙele sabo njengotuli, nesipeta sabo njengomququ opetshulweyo. 3Ubasukele, wadlula ngokunqaba, ngendlela abengayanga ngenyawo zake. 4Ngubanina okusebenzileyo nokwenzileyo oku, ebiza izizukulwana kwa sekuqaleni? Ndim, uyehova, owokuqala kwa nowokupela, ndim onguye.
5Iziqiti zabona, zoyika ke; amancam omhlaba angcangcazela; asondela, eza ke. 6Bancedana umntu ummelwane wake; omnye wati kwomnye: Yomelela! 7Waza umsebenzi wayomeleza incibi, nogudisayo ngesando lowo ubetayo intsimbi yokukandela, esiti ngento yokutywina: Ilungile; wayewubetela ngezikonkwane, uze ungashukunyiswa.
8Kodwa wena, Sirayeli! isicaka sam; Yakobi! ondikuqashileyo, inzalo ka‐Abrahame umhlobo wam; 9ondikubambileyo kwa semancameni omhlaba, ndakubiza kwa sezipelweni zawo, nondite kuwe: Wena usisicaka sam; ndikuqashile, andiyi kukulahla: 10ungoyiki, ngokuba ndinawe mna; ungabi navuso, ngokuba ndi ngutixo wako; ndiya kukwomeleza; ewe, ndiya kukunceda; ewe, ndokuxasa ngesokunene isandla sam esilungileyo. 11Bona ke, baya kudana, bamatiswe, bonke abebequmbile ngakuwe; boba njengokungento, babube, abo bapika nawe. 12Wobafuna, kanti akuyi kubafumana, abo abebengxolisana nawe; boba njengokungento nokungendawo abo abebesilwa ngakuwe. 13Ngokuba mna Yehova ndi ngutixo wako, obambayo isandla sako sokunene; oti kuwe: Ungoyiki, ndokunceda ke. 14Ungoyiki, wena msundu Yakobi, nina bafo bo‐Sirayeli! ndokunceda, utsho uyehova, umkululi wako, oyingcwele ka‐Sirayeli. 15Bona ke, ndiya kukwenza into yokubula, ebukali, entsha, emazinyo maninzi; uya kubula intaba, uziqwakanise, nenduli uya kuzenza njengomququ. 16Uya kuzela, uti umoya uzimkise; uqwitela lwoziti sa kanjalo; kodwa wena uya kugcoba kuyehova; kuye oyingcwele ka‐Sirayeli uya kuqa̔yisa.
17Amahlwempu nabasweleyo bayafuna amanzi, kanti akako; ulwimi lwabo lutshile linxanwa; mna Yehova ndobapendula; mna Tixo wo‐Sirayeli andiyi kubashiya. 18Ndiya kuvumbulula imilambo ezindulini, nemitombo pakati kwemihlambo; ndoyenza intlango ibe licibi lamanzi, nomhlaba owomileyo ube ngamatende amanzi. 19Ndobeka entlango umti wesedare, noweshitime, nowemutele, nomti weoli; ndomisa elubala umti weberoshe, nowetidara, nowetashure kwa kunye: 20ukuze babone, bazi, bagqale, baqonde kwa kunye, ukuba isandla sikayehova sikwenzile oku, nokuba oyingcwele ka‐Sirayeli ukudalile.
21Sondezani impikiso yenu, utsho uyehova; velisani izizatu zenu ezinamandla, utsho ukumkani wo‐Yakobi. 22Mabazivelise, basityele oko okuya kuhla; mabatyele izinto zapambili, ziyinina, ukuba sizibekele intliziyo, sikwazi nokupela kwazo; umhlaumbi, mabasivise izinto ezizayo. 23Tyelani izinto eziya kuza emva kwoku, size sikwazi ukuba ningotixo; ewe, yenzani okulungileyo, umhlaumbi yenzani okukohlakeleyo, size sibe nevuso, sibonele kwa kunye. 24Bona ke, nikokuncinane kokungento, nomsebenzi wenu ukokuncinane kokungendawo: uyinto eyintshontsho oniqashayo.
25Ndimvusile ovela enode, waeya kuza; ecaleni lokupuma kwelanga uya kubiza igama lam; woza pezu kwenkosi njengapezu kwodaka, nanjengokuba umbumbi exovula udongwe. 26Ngubanina owakuxelayo kwa sekuqaleni, ukuba sikwazi? nasexesheni lapambili, ukuba siti: Kuyinene? Akuko namnye okawakuxela; akuko namnye okawakuvakalisa; akuko namnye okaweva amazwi enu. 27Mna endingowokuqala nditi kwi‐Ziyone: Bona, zibone! nakwi‐Yerusaleme ndiya kunika umshumayeli wendaba ezilungileyo. 28Ngokuba bendikangela, kanti akwabako namnye, kwa pakati kwabo aba, kanti akwabako umcebisi, ukuba ndibuze kubo, nokuba bandinike impendulo. 29Bona ke, bona bonke bakokungendawo; imisebenzi yabo iyinto engeluto; imifanekiso yabo etyityishiweyo ingumoya nokungento.
Currently Selected:
U‐Yisaya 41: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: