U‐Yoshuwa 2
2
1KEKALOKU u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, wasusa amadoda amabini e‐Shitime ukuya kuhlola ngasese, esiti: Hambani, niye kukangela ilizwe, ne‐Jeriko. Ahamba ke, aya angena endlwini yompinyiswa, ogama lingu‐Rakabi, alala kona. 2Kwaza kwabikwa kukumkani we‐Jeriko, kusitwa: Nanga amadoda efikile apa ngobusuku evela elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuza kupanda ilizwe. 3Waza ukumkani we‐Jeriko watumela ku‐Rakabi, ukuti: Kupani amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yako; ngokuba efikile ukuza kupanda lonke ilizwe.
4Yabe inkazana leyo itabatile lomadoda omabini, yawafihla; yaza yatsho ukuti: Kwafika amadoda kum, kodwa bendingawazi avela pina. 5Kwaza kwati, kwakuvalwa isango, nxa kuza kuba mnyama, andula amadoda lawo apuma; andiwazi aye ngapina lomadoda; waputumeni kamsinyane, ngokuba niya kuwafumana. 6Kanti ibiwenyusele pezu kwendlu, yawafihla ngapantsi kwamasebe omyaṙa, abecwangcisiwe yiyo pezu kwendlu. 7Asuka amadoda awaputuma ngendlela yase‐Yoredane, ngasemazibukweni: kwaza kwavalwa isango, emveni kwokuba sebepumile abo bawaputumayo.
8Engekalali wona, yenyuka yona yaya kuwo pezu kwendlu; 9yayisiti emadodeni lawo: Ndiyazi ukuba uyehova unipile elilizwe, nokuba isoyikeko senu siwile pezu kwetu, nokuba bancamile bonke abemi belizwe ngenxa yenu. 10Ngokuba sivile okokuba uyehova wanitshisela amanzi olwandle olubomvu, ekupumeni kwenu e‐Jipete; noko enanikwenza kokumkani bobabini baba‐Amori, abebepesheya kwe‐Yoredane, ku‐Sihone naku‐Hogi, enabalahlela ekutshabalaleni. 11Sati sakuva, zanyibilika intliziyo zetu, kanjako akwabi sahlala ubugagu emntwini, ngenxa yenu: ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye o ngutixo ezulwini pezulu, nasemhlabeni pantsi. 12Ngako kaloku, kenindifungele uyehova, ukuba, njengokuba ndenzele nina ububele, nani niya kwenzela indlu kabawo ububele, nindinike umqondiso wenyaniso: 13ukuba niya kulondoloza behleli ubawo, noma̔, nabazalwana bam, nodade bam, nabo bonke banabo; nokuba niya kusindisa ubomi betu ekufeni.
14Aza ati kuyo amadoda lawo: Ubomi betu mabube sendaweni yobenu ukufa! ukuba anixeli lendawo yetu: kuya kwandula ukuti, nxa uyehova asinikayo ilizwe, sokwenzela ububele nenyaniso.
15Yandula yawahlisa ngentsontelo ngefenstile: ngokuba indlu yayo ibipezu kwodonga lwesixeko, kanjalo yona yahlala pezu kwodonga. 16Yayisiti kuwo: Hambani niye entabeni, hleze bafumanane nani abaputumayo; nize nizimele apo intsuku zibe ntatu, bade babuye abaputumayo; niti kamva nihambe ngendlela yenu.
17Ati kuyo amadoda lawo: Soba msulwa kwesisifungiso sako usifungisile ngaso. 18Bona ke, sakufika elizweni, uya kubopa lentambo yentsinga ezibomvu efenstileni usihlisile ngayo; noyihlo, nonyoko, nabazalwana bako, nabo bonke abendlu kayihlo, nobabutela kuwe endlwini. 19Kuya kwandula ukuti, osukuba epuma ngengcango zendlu yako aye pandle, igazi lake malibe pezu kweyake intloko, siti tina singabi natyala; nosukuba enawe endlwini, igazi lake malibe pezu kwentloko yetu, ukuba isandla sipezu kwake. 20Kodwa ukuba uyaxela lendawo yetu, sesiya kuba msulwa kuso isifungiso sako usifungisile ngaso. 21Yati yona: Makube njalo njengamazwi enu. Yaza yawandulula, emka ke; kanjalo yabopa lontambo ibomvu efenstileni.
22Asuka emka, aya entabeni, ahlala kona intsuku zantatu, bada babuya abaputumayo: ngokuba abaputumayo bebewafunile endleleni yonke, kanti abawafumana.
23Ada abuya lomadoda omabini, ehla entabeni, awela ke, aza kufika ku‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, ambalisela zonke izinto ezibahlileyo. 24Ayesiti ku‐Yoshuwa: Okunene uyehova unikile ezandleni zetu ilizwe lonke; ngokuba kwa bonke abemi belizwe bencamile ngenxa yetu.
Currently Selected:
U‐Yoshuwa 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: