Ivangeli ka‐Luke 3
3
1KEKALOKU ngomnyaka weshumi linesihlanu wobukosi buka‐Tiberiyusi Kesare, u‐Pontiyusi Pilati engumpati we‐Judeya, no‐Herodi eyinkosi ye‐Galili, no‐Filipi umzalwana wake eyinkosi ye‐Yetureya nelizwe le‐Trakoniti, no‐Lusaniya eyinkosi ye‐Abilene, 2emihleni yabaperisite abakulu u‐Anasi no‐Kayafasi, leza ilizwi likatixo ku‐Johane unyana ka‐Zekariya entlango.
3Wayesiza kulo lonke ilizwe langase‐Yoredane, eshumayela ubapitizesho lwoguquko, kube kukuxolelwa kwezono; 4njengokuba kuba̔liwe encwadini yamazwi ka‐Yisaya umprofite, esiti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela kayehova; yenzani imendo yake ilungelelane. 5Yonke imifula iya kudityelelwa, nazo zonke intaba nenduli ziya kutotyelwa pantsi; indawo eziligoso zotiwa entse, nezibugongxo zoba zindlela ezigudileyo: 6lwaye uluntu lwonke luya kubona usindiso lukatixo.
7Wandula wati kwizihlwele ezibe zipuma ukuza kubapitizeshwa nguye: Sizukulwanandim senyoka! ngubanina onibonisileyo ukuba nibaleke umsindo oza kuza? 8Velisani ngoko izixakato eziyelelana noguquko; nize ningaqali ukuti pakati kwenu: Sinaye u‐Abrahame engubawo; ngokuba ndisiti kuni: Utixo angavusela u‐Abrahame usapo kulamatye. 9Kanjako izembe lise libekwe ngasengcanjeni yemiti: iti ngoko yonke imiti engavelisi izixakato ezilungileyo igaulwe, iposwe emlilweni.
10Zaza zambuza izihlwele, zisiti: Siya kwenza nto nina pofu? 11Wapendula wati kuzo: Onengubo mbini, makabele ongenanye; nalowo unento zokutya, makenze kwa njalo.
12Kweza nababuti beminikelo ukuba babapitizeshwe, bati kuye: Mfundisi! siya kwenza nto nina? 13Wayesiti kubo: Ningabangi into engapezulu kweniyimiselweyo.
14Kwambuza namasodati, esiti: Nati siya kwenza nto nina? Waza wati kuwo: Ningapangi mntu, ningalumkisi mntu kanjako; ize nitomalale kukuvuzwa kwenu.
15Kekaloku nxa abantu bebelinda, nanxa bonke bebecamanga ezintliziyweni zabo ngaye u‐Johane, ukuba umhlaumbi yena angaba nguye u‐Kristu na; 16wapendula u‐Johane kwa kubo bonke, esiti: Mna okunene ndiyanibapitizesha ngamanzi; kodwa uyeza onamandla amakulu kwawam, endingafanelekile ukuba ndiwutukulule umtya wezihlangu zake; yena wonibapitizesha ngomoya oyingcwele nangomlilo: 17omnyazi wokwela usesandleni sake, waeya kucokisa isibaya sake, ati inqolowa ayihlanganisele esiseleni sake, kodwa umququ wowutshisa ngomlilo ongacimekiyo. 18Kwa nje ke ebayala nangezinye izinto ezininzi ebeshumayela ivangeli ebantwini.
19(Kodwa u‐Herodi inkosi, esohlwaywa nguye, ngaye u‐Herodiya umfazi ka‐Filipi umninawe wake, nangazo zonke izinto ezikohlakeleyo abezenzile u‐Herodi, 20wongezelela nalento pezu kwazo zonke, yokuba wamvalela entolongweni u‐Johane.)
21Kwaye kute kekaloku, nxa bebebapitizeshiwe bonke abantu, ebapitizeshiwe u‐Yesu naye, etandaza nokutandaza, lavuleka izulu, 22wehla umoya oyingcwele ngokubonakala okungumzimbaṙa njengehobe pezu kwake, leza nelizwi livela ezulwini, lisiti: Wena ungunyana wam otandiweyo, ndikolisiwe kakuhle nguwe.
23Waye yena u‐Yesu wayeyiminyaka engati ngamashumi matatu ubudala bake akuqala ukufundisa, enguye (njengokuba kube kusitwa) unyana ka‐Josefe, obengoka‐Heli, 24obengoka‐Matati, obengoka‐Levi, obengoka‐Maleki, obengoka‐Jana, obengoka‐Josefe, 25obengoka‐Matitiya, obengoka‐Amotse, obengoka‐Nahume, obengoka‐Esili, obengoka‐Nagai, 26obengoka‐Mahati, obengoka‐Matitiya, obengoka‐Shimehi, obengoka‐Josefe, obengoka‐Juda, 27obengoka‐Johanane, obengoka‐Resa, obengoka‐Zerubabeli, obengoka‐Shalatiyeli, obengoka‐Neri, 28obengoka‐Maleki, obengoka‐Adi, obengoka‐Kosame, obengoka‐Elemodame, obengoka‐Here, 29obengoka‐Jose, obengoka‐Eliyezeri, obengoka‐Yorime, obengoka‐Matati, obengoka‐Levi, 30obengoka‐Simone, obengoka‐Juda, obengoka‐Josefe, obengoka‐Jonane, obengoka‐Eliyakime, 31obengoka‐Meleya, obengoka‐Menane, obengoka‐Matata, obengoka‐Natane, obengoka‐Davide, 32obengoka‐Jese, obengoka‐Obedi, obengoka‐Bohazi, obengoka‐Salimone, obengoka‐Nahashone, 33obengoka‐Haminadabi, obengoka‐Rame, obengoka‐Hetserone, obengoka‐Faretse, obengoka‐Juda, 34obengoka‐Yakobi, obengoka‐Yisake, obengoka‐Abrahame, obengoka‐Tera, obengoka‐Nahore, 35obengoka‐Seruge, obengoka‐Rehu, obengoka‐Pelege, obengoka‐Hebere, obengoka‐Sala, 36obengoka‐Kenane, obengoka‐Rafatsade, obengoka‐Sheme, obengoka‐Nowa, obengoka‐Lameki, 37obengoka‐Metushela, obengoka‐Enoki, obengoka‐Yeredi, obengoka‐Mahalalele, obengoka‐Kenane, 38obengoka‐Enoshe, obengoka‐Shete, obengoka‐Adame, obengoka— Tixo.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Luke 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: