Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6
6
1SOTI nina pofu? Somana ukuma esonweni na, ukuze ufefe lwandiswe?
2Kwanga kungebe njalo! Tina safayo ngakwisono, soti nina ukuba sisahlala kuso? 3Anazi na, ukuba sonke tina sabapitizeshelwayo ku‐Kristu Yesu sabapitizeshelwa ekufeni kwake? 4Sancw̔atyelwa ngoko kunye naye ngako ukubapitizeshwa ekufeni kwake; ukuze ke, njengokuba u‐Kristu ebevuswa kwabafileyo ngabo ubungcwalisa boyise, siti kwa njalo nati sihambe ekuhlaleni okutsha. 5Ngokuba okunene, ukuba sibe sihlanganisiwe naye ekufaneni kwokufa kwake, soba njalo nakokwokuvuka kwake: 6oku sikwazi nje, ukuba umntu wetu omdala wakuruseshwa kunye naye, ukuze umzimba wesono utshatyalaliswe, size tina singabi sakonza esonweni. 7Ngokuba lowo ufileyo ekululwe esonweni. 8Kekaloku ukuba safa kunye no‐Kristu, siyakolwa ukuba siya kuti kanjalo sidle ubomi kunye naye: 9sisazi ukuba u‐Kristu evusiwe nje kwabafileyo akasafi; ukufa akusenabukosi pezu kwake. 10Ngokuba ukufa wakufayo, wafela isono kwa kanye; kodwa ubomi abudlayo, uyabudlela utixo. 11Kwa njalo nani zibaleni ukuba nifile ngakuso isono, kodwa nisidla ubomi ngakuye utixo, ku‐Kristu Yesu inkosi yetu.
12Masiti ngoko isono singapati ubukosi emzimbeni wenu onokufa, ukuba nisilulamele ezinkanukweni zawo. 13Kanjako ningamiseli esonweni amalungu enu ukuba zimpahla zokungalungileyo; koko zimiseleni kutixo njengokuba nihleli nivukile kwabafileyo, namalungu enu niwamisele kutixo ukuba zimpahla zobulungisa. 14Ngokuba isono singayi kuba nabukosi pezu kwenu: ngokuba ningepantsi kwomteto, koko nipantsi kwofefe.
15Yinina pofu? siya kwona na, kuba singepantsi kwomteto, koko sipantsi kwofefe?
Kwanga kungebe njalo! 16Anazi na, ukuba lowo nizimisela kuye ukuba zizicaka zokumva, nizizicaka zake enimvayo; nokuba zezesono kube kukufa, nokuba zezokuva bube bubulungisa? 17Kodwa makubulelwe kutixo ukuba, nangona nibe nizizicaka zesono, neva noko ngentliziyo umlinganiselo wofundiso enaninikelwe kuwo; 18naza nati, nikululekisiwe kuso isono nje, nenzwa izicaka ebulungiseni. 19Ndiyateta njengokwabantu ngenxa yobulwelwe benyama yenu. Ngokuba njengokuba amalungu enu nawamisela ukuba zizicaka ekunco̔leni nasekukohlakaleni kube kukukohlakala, kwa njalo kaloku miselani amalungu enu ukuba zizicaka ebulungiseni kube bubungcwele. 20Ngokuba okuya nibe nizizicaka zesono, nibe nikululekile kubo ubulungisa. 21Nibe ninesiqa̔mo sinina pofu oko, ngezozinto nizidaneleyo ngoku? ngokuba isipelo sezozinto, kukufa. 22Kodwa kaloku nikululekisiwe kuso isono, nenzwa izicaka kutixo nje, ninesiqa̔mo senu ngasebungcweleni; nesipelo, ninobomi obungunapakade. 23Ngokuba umvuzo wesono ukukufa; kodwa isipo sofefe sikatixo sibubomi obungunapakade ngo‐Yesu Kristu inkosi yetu.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: