iZenzo iZenzo 1
iZenzo 1
1Umbhalo wokuqala ndawenza, Tiyofilo, ngazo zonke izinto awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa, 2kwada kwayimini awanyuswa ngayo, emveni kokuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awabanyulayo; 3awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephila, ngobungqina obuninzi obungenasiphako, ebonakala kubo iintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. 4Kwathi, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangaphumi eYerusalem, balilinde idinga likaBawo, enalivayo kum. 5Kuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku. 6Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli? 7Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo. 8Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda, nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba. 9Ezithethile ezi zinto, bakubon’ ukuba bakhangele, wanyuswa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo. 10Bakuba beqwalasele ezulwini, njengoko wayenyuka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini, eneengubo ezimhlophe; 11ayesithi ke, Madoda, maGalili, nimeleni na, nijonge ezulwini? Lo Yesu unyusiweyo kuni wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini. 12Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi neYerusalem, uhambo lwesabatha. 13Bakuba bengenile, banyukela kwigumbi eliphezulu, apho kwakuhlala uPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, uFilipu, noTomas, uBhartolomeyu, noMateyu, noYakobi ka-Alifeyu, noSimon Zelote, uYuda, umzalwana kaYakobi. 14Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe. 15Ngaloo mihla wema uPetros phakathi kwabafundi, wathi, (inani lamagama xa lihlangene lingathi lilikhulu elinamanci mabini); 16Madoda, bazalwana, esi sibhalo simelwe kukuba sizaliseke, sathethwayo ngaphambili nguMoya oyiNgcwele ngomlomo kaDavide ngaye uYuda, owaba ngumkhokeli wabo bambambayo uYesu; 17ngokuba wayebalelwe kuthi, wasizuza isabelo solu lungiselelo. 18Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wawa ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe. 19Kwazeka oko kubo bonke abemi baseYerusalem; wada loo mhlaba ngeyabo intetho kuthiwe yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi. 20Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa, Umzi wakhe mawube yintlango, Kungabikho umiyo kuwo; Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye. 21Kungoko athe, kula madoda abehamba nathi ngalo lonke ixesha, yakuba iNkosi uYesu ibingena iphuma phakathi kwethu, 22iqalele elubhaptizweni lukaYohane, kwada kwayimini awanyuswa ngayo kuthi, kumele ukuba kubekho ongomnye, eya kuba lingqina lokuvuka kwakhe, kunye nathi. 23Bamisa ababini, uYosefu ogama linguBharsabhas, ogama limbi linguYusto, noMatiya. 24Bathandaza bathi, Wena, Nkosi, wena uzaziyo iintliziyo zabantu bonke, bonisa ukuba ngaba babini umnyulileyo; 25ukuze asithabathe isabelo solu lungiselelo nobupostile, awaphambukayo kubo uYuda, ukuze aye kweyakhe indawo. 26Bawisa amaqashiso abo; laphuma iqashiso noMatiya; wabalelwa kwabapostile abalishumi elinamnye.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 1: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.