iZenzo iZenzo 6
iZenzo 6
1Ke kaloku ngaloo mihla, bakubon’ ukuba bayanda abafundi, kwabakho ukukrokra kwawesiGrike amaYuda, esithi, ngenxa yokuba abahlolokazi bawo babengananzwa kulungiselelo lwemihla ngemihla. 2Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo indimbane yabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni. 3Ngoko ke, bazalwana, khangelani ukujonga phakathi kwenu amadoda asixhenxe avunyiweyo, azele nguMoya oyiNgcwele nobulumko, esingawamisela phezu kwalo mcimbi. 4Thina ke siya kuzingisa emthandazweni, nakubulungiseleli belizwi. 5Labakholisa ke ilizwi elo zwi emehlweni abo bonke abantu, baza banyula uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkoro, noNikanore, noTimon, noParmenas, noNikolawo owaguqukela ebuYudeni, wakwa-Antiyokwe; 6abathe babamisa phambi kwabapostile, bathi, bakuba bethandazile, babeka izandla phezu kwabo. 7Laye liya likhula ilizwi likaThixo; Laye liya lisanda kakhulu inani labafundi eYerusalem; laye neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo. 8Ke kaloku uStefano, ezele lukholo namandla, wayesenza izimanga nemiqondiso emikhulu phakathi kwabantu. 9Kwesuka ke kwesuka kwesuka abathile bendlu yesikhungu ebizwa ngokuba yelabaKhululwa, neyabaseKirene, neyamaAleksandriya, neyabaseKilikiya naseAsiya, bephikisana noStefano. 10Baye ke bengabanga nako ukumelana nobulumko, nomoya awayethetha ngawo. 11Baza balukuhla amadoda, awathi, Simvile ethetha amazwi okunyelisa ngoMoses nangoThixo. 12Baza babaxhokonxa abantu, namadoda amakhulu nababhali; bamfikela, bambamba, bamzisa entlanganisweni yamatyala. 13Bamisa amangqina obuxoki, awathi, Lo mntu akayeki ukuthetha amazwi okunyelisa le ndawo ingcwele nomthetho; 14Kuba simve esithi, uYesu waseNazarete lo uya kuyichitha le ndawo, awenze wambi amasiko awawanikela kuthi uMoses. 15Baye bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 6: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: