uYohane uYohane 10
uYohane 10
1Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. 2Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. 3Umgcini-sango uyamvulela lowo; nezimvu ziyaliva ilizwi lakhe, azibize ezakhe ngamagama, azikhokelele phandle. 4Athi akuzikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zize izimvu zimlandele, ngokuba ziyalazi izwi lakhe. 5Ke owasemzini aziyi kumlandela; ziya kusaba kuye; ngokuba azilazi ilizwi labasemzini. 6Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo. 7Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu. 8Bonke abafika ngaphambi kwam bangamasela nezihange, kodwa izimvu azibeva. 9Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. 10Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo. 11Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo ubuncamela izimvu ubomi bakhe. 12Ungumqeshwa, engenguye umalusi, o izimvu ezingezizo ezakhe, uthi akubona ingcuka isiza, azishiye izimvu, asabe; 13Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumqeshwa engazikhathalele izimvu. 14Ndim umalusi olungileyo, ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. 15Njengoko endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu. 16Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti. Kwanazo ndimelwe kukuzizisa; zaye ziya kuliva ilizwi lam; zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye. 17Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. 18Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo. 19Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi. 20Yayisithi ke into eninzi kuwo, Unedemon, uyageza; yini na ukuba nimphulaphule? 21Abanye bathi, La mazwi asingowomntu unendimoni. Idemon inako na ukuwavula amehlo eemfama? 22Ke kaloku kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika. 23Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon. 24Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu wena, sixelele ngokuphandle. 25Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam. 26Nina anikholwa; ngokuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. 27Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; 28mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. 29uBawo ondinike zona ungaphezu kwabo bonke; akukho namnye unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo. 30Mna noBawo sibanye. 31Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube. 32Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; Nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi? 33Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle; kungenxa yokunyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu, usuke uzenze uThixo. 34Wawaphendula uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo? 35Ukuba uthe bona bangoothixo, àbafikelwa kubo ilizwi likaThixo, sibe ke sona isibhalo singenakwaphulwa; 36Nithi nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; Ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo? 37Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim. 38Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye. 39Abuya ngoko afuna ukumbamba; kodwa wasinda esandleni sabo. 40Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona. 41Kweza babaninzi kuye, bathi, uYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; 42Bakholwa kuye, abaninzi apho.
Currently Selected:
uYohane uYohane 10: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: