Iindumiso Iindumiso 127

Iindumiso 127
Ukuba akayakhi uYehova indlu, basebenza ilize
1iNgoma yazo iiNgoma. Ukuba akayakhi uYehova indlu, bafumana basebenza abakhi bayo; xa uYehova engawugcini umzi, umlindi uvuka ilize.
2Lilize ukuba uvuke kusasa, ulale ebusuku, udle isonka sokubandezeleka; ngokuba Usilalisa ngolo hlobo intanda yakhe.
3Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana, Sisiqhamo sesizalo sonina.
4Njengeentolo esandleni segorha; kukwanjalo nakubantwana abancinane.
5Hayi, uyolo lomntu umphongolo uzele ngabo; abayi kudana, kodwa baya kuthetha neentshaba zabo esangweni.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena