KWABASEKORINTE I 12:4-6
KWABASEKORINTE I 12:4-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye. Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye. Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.
KWABASEKORINTE I 12:4-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kukho iintlobo ngeentlobo zeziphiwo, kodwa zivela kuMoya omnye. Kukho iintlobo ngeentlobo zemisebenzi, kodwa kusetyenzelwa iNkosi enye. Kukho iintlobo-ntlobo zeziphiwo zamandla okusebenza, kodwa xa zizonke zivela kuThixo, ikwanguye nozabela ulowo nalowo.
KWABASEKORINTE I 12:4-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye. Kukho nezabelo ngezabelo zezabelo zemisebenzi, kodwa ikwayiloo Nkosi inye. Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.