KWABASEKORINTE I 12:8-10
KWABASEKORINTE I 12:8-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya; wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya; omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.
KWABASEKORINTE I 12:8-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umntu othile uMoya umnika ubulumko, aze omnye amnike ukwazi. Kwalo Moya mnye omnye umnika inzondelelo, aze omnye amnike amandla okuphilisa. Omnye umntu uMoya umnika amandla okwenza imiqondiso, aze omnye amnike amandla okushumayela, wumbi amnike ubuchule bokucalula oomoya. Omnye umnika isiphiwo sokuthetha iilwimi, aze omnye amnike isiphiwo sokutolika.
KWABASEKORINTE I 12:8-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; omnye ke, ilizwi lokwazi kwangaloo Moya; wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya; omnye ke uphiwa imimangaliso; omnye isiprofeto esi; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi
KWABASEKORINTE I 12:8-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba kunikwa komnye ngaye UMOYA ilizwi lobulumko; nakomnye ilizwi lokwazi ngokwalowo UMOYA; nakomnye ukolo ngalowo UMOYA; nakomnye izipiwo zokupilisa ngalowo UMOYA; nakomnye amasebenzi emimangaliso; nakomnye isiprofitesho; nakomnye ukwahlula omoya; nakomnye intlobo ngentlobo zenteto: nakomnye ukukumsha inteto