IZENZO 1:4-5
IZENZO 1:4-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum; ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.
IZENZO 1:4-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso. Kaloku uYohane yena wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina, kungekudala, uThixo uza kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”
IZENZO 1:4-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangaphumi eYerusalem, balilinde idinga likaBawo, enalivayo kum. Kuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.
IZENZO 1:4-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza ehlanganisene nabo wabayala ukuba mabangemki e‐Yerusaleme, mabalinde isibambiso SOYISE, — eso, watsho yena, enisivileyo kum: ngokuba u‐Johane okunene wabapitizesha ngamanzi; kodwa nina nobapitizeshwa NGOMOYA OYINGCWELE, intsuku ezingeninzi emveni kwezi.