IZENZO 16:25-26
IZENZO 16:25-26 IBHAYIBHILE (XHO96)
Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva. Ngesaquphe kwabakho inyikima eyashukumisa izisekelo zentolongo. Zatsho zavuleka zonke iingcango, namatyathanga akhululeka kumabanjwa.
IZENZO 16:25-26 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa. Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.
IZENZO 16:25-26 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, ezinzulwini zobusuku uPawulos noSilas babethandaza, bedumisa uThixo; yaye amabanjwa abeva ke. Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.
IZENZO 16:25-26 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku pakati kwobusuku u‐Paulusi no‐Silasi bebetandaza, bavuma amaculo KUTIXO: baye ke ababanjwa bebapulapula. Kwaza kwabako ngokwalama isingcangcazelo somhlaba esikulu, yada yazanyazanyiswa imisekelo yentolongo: zasuka zavuleka ingcango kwa oko zonke, nezinxibo zabo bonke zatukululeka.