UDANIYELI 9:18-19
UDANIYELI 9:18-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Thoba indlebe yakho, uve. Vula amehlo akho, ubone ukuphanza kwethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho. Ngokuba akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi. Nkosi, yiva; Nkosi, xolela; Nkosi, baza iindlebe, wenze. Ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; kuba umzi wakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho.
UDANIYELI 9:18-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Khawubek' iindlebe uphulaphule, Thixo wam! Khawuvule amehlo ukubone ukuphanza kwesixeko esibizwa ngegama lakho. Akungenxa yemisebenzi yethu yobulungisa le nto sikubongozayo, kodwa kungenxa yenceba yakho enkulu. Ndimamele, Mhlekazi, usixolele, usive, wenze! Ewe, Mhlekazi, ngenxa yegama lakho uze ungalibazisi, kuba kaloku esi sixeko sakho naba bantu bakho babizwa ngegama lakho.”
UDANIYELI 9:18-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Thoba indlebe yakho, uve, Thixo wam; vula amehlo akho, ubone amanxuwa ethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho; Yehova, yiva; Nkosi, xolela; Yehova, yiva, yenza; ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; ngokuba igama lakho libizwa emzini wakho, naphezu kwabantu bakho.
UDANIYELI 9:18-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
TIXO wam! tobela indlebe yako, uve ke; vula amehlo ako, ubone ingci̔takalo zetu, nesixeko esibizwayo ngegama lako: ngokuba kungengenxa yobulungisa betu esibeka izikungo zetu ebusweni bako, kungenxa yezibele zako ezikulu. NKOSI, yiva! NKOSI, xolela! NKOSI, pulapula, wenze ke! zungalibali, ngenxa yokwako, TIXO wam! ngokuba isixeko sako nabantu bako bebizwa ngegama lako.