KWABASE-EFESE 4:22-24
KWABASE-EFESE 4:22-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu, nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
KWABASE-EFESE 4:22-24 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni. Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo. Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo.
KWABASE-EFESE 4:22-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla; manihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu; Nambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
KWABASE-EFESE 4:22-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ukuba niti, okwokumila kwenu kwapambili, nimtule umntu omdala, oman’ ukwonakala ngokwenkanuko zenkohliso, nibe nihlaziywa emoyeni woluvo lwenu; nize nimambate umntu omtsha, ote ngokufuza UTIXO wadalwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso.