UYOHANE 18:36
UYOHANE 18:36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, abakhonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.
UYOHANE 18:36 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.
UYOHANE 18:36 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.”
UYOHANE 18:36 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati u‐Yesu ukupendula: Ubukumkani bam asi bubo obakwelilizwe: ukuba ubukumkani bam bube bubobakwelilizwe, abakonzi bam bebeya kulwa, ukuze ndinganikelwa kuma‐Juda: kodwa kaloku ubukumkani bam asi bubo obuvela apa.