uLuka uLuka 24
uLuka 24
1Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abathile kubo. 2Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni. 3Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu. 4Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo. 5Ke kaloku, bakubon’ ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo? 6Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko wayeseseGalili, 7esithi, uNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu aboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. 8Bawakhumbula ke amazwi akhe; 9bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye. 10YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile. 11Asuka amazwi abo abonakala ngathi yinto nje engento kubo, baza abakholwa. 12Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wemka, emangalisiwe koko kuhlileyo. 13Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi. 14Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile. 15Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo. 16Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi. 17Wathi kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha? 18Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini? 19Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu; 20ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni. 21Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto. 22Asuka nabafazi abathile ababevela kuthi aba basikhwankqisa, ababeyile engcwabeni kwakusasa; 23Zakuba zingawufumani umzimba wakhe, zeza zisithi, zibone nombono wezithunywa zezulu, ezibe zisithi uhleli. 24Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga. 25Wathi ke yena kubo, Oyi! 26uKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe? 27Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye. 28Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha. 29Bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini seyimkile. Wangena ukuba ahlale nabo. 30Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika. 31Aqabuka amehlo abo, bamazi; Wanyamalala emehlweni abo. 32Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo? 33Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye kwanabo babenabo, 34besithi, iNkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon. 35Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka. 36Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani. 37Besuka bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu. 38Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Yini na ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu? 39Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna. 40Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe. 41Ke kaloku, bakubon’ ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha? 42Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi. 43Wathabatha, wadla phambi kwabo. 44Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni, ukuba zizaliseke, mna. 45Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo; 46wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu; 47nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem. 48Nina ke ningamangqina ezi zinto. 49Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphuma enyangweni. 50Ke kaloku wabarholela ngaphandle, kwada kwaya eBhetani, waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela. 51Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahlukana nabo, wenyuswa wasiwa emazulwini. 52Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu. 53Bamana behleli etempileni, bembonga uThixo. Amen.
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.