1
INTSHUMAYELI 5:2
IZIBHALO EZINGCWELE
Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane.
Compare
Explore INTSHUMAYELI 5:2
2
INTSHUMAYELI 5:19
Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso.
Explore INTSHUMAYELI 5:19
3
INTSHUMAYELI 5:10
Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge.
Explore INTSHUMAYELI 5:10
4
INTSHUMAYELI 5:1
Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi.
Explore INTSHUMAYELI 5:1
5
INTSHUMAYELI 5:4
Xeshikweni uthe wabhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuzekelela ukusizalisa; ngokuba azinanzwa izidenge; loo nto uyibhambathisileyo yizalise.
Explore INTSHUMAYELI 5:4
6
INTSHUMAYELI 5:5
Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi.
Explore INTSHUMAYELI 5:5
7
INTSHUMAYELI 5:12
Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo.
Explore INTSHUMAYELI 5:12
8
INTSHUMAYELI 5:15
Njengokuba waphuma esizalweni sonina ezé, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angàthabathi nento ngemigudu yakhe, angáyiphathayo ngesandla sakhe.
Explore INTSHUMAYELI 5:15
Home
Bible
Plans
Videos