1
1 KWABASEKORINTE 1:27
IBHAYIBHILE
Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi zibubudenge ebantwini, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko. Ngokunjalo ke uThixo unyule nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ngokwabantu, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla.
Compare
Explore 1 KWABASEKORINTE 1:27
2
1 KWABASEKORINTE 1:18
Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.
Explore 1 KWABASEKORINTE 1:18
3
1 KWABASEKORINTE 1:25
Kaloku into kaThixo ebubudenge, inobulumko kuneyabantu; nento kaThixo engathi ayinamandla, yomelele kuneyabantu.
Explore 1 KWABASEKORINTE 1:25
4
1 KWABASEKORINTE 1:9
Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
Explore 1 KWABASEKORINTE 1:9
5
1 KWABASEKORINTE 1:10
Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.
Explore 1 KWABASEKORINTE 1:10
6
1 KWABASEKORINTE 1:20
Xa kunjalo ke ziphi na izilumko, ziphi na iingqondi, ephi na wona amaciko eli hlabathi? Kaloku uThixo ubonakalisile ukuba ubulumko beli hlabathi bubudenge.
Explore 1 KWABASEKORINTE 1:20
Home
Bible
Plans
Videos