1
IINDUMISO 51:10
IBHAYIBHILE
Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu; wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.
Compare
Explore IINDUMISO 51:10
2
IINDUMISO 51:12
Ndibuyisele uvuyo losindiso lwakho, undixhase ngoMoya wakho, khon' ukuze ndikuthobele.
Explore IINDUMISO 51:12
3
IINDUMISO 51:11
Musa ukundigxotha, Nkosi yam; ungamthathi uMoya wakho kum.
Explore IINDUMISO 51:11
4
IINDUMISO 51:17
Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo. Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.
Explore IINDUMISO 51:17
5
IINDUMISO 51:1-2
Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa! Ngenxa yezibele zothando lwakho, nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam! Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi; ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!
Explore IINDUMISO 51:1-2
6
IINDUMISO 51:7
Ndihlambe undicokise ndicoceke; ndihlambe ndibe mhlophe qhwa, ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.
Explore IINDUMISO 51:7
7
IINDUMISO 51:4
Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye, ndenze into ekuhlazisayo. Ngoko ke undigwebe ngakhona; isigwebo sakho sifanelekile.
Explore IINDUMISO 51:4
Home
Bible
Plans
Videos